Civet

© Nigel Dennis

Igama

Civet [Civettictis civetta]

Inkangeleko

I African Civet inoboya obufutshane ongwevu ngombala, lunamabala amnyama ahombise okwemiqolo, imilenze kunye nesiqingatha somsila zona zinombala omnyama ze esinye isqingatha somsila sibe nemigca, ubuso bona bungwevu ngaphandle nje komzila abambe bumhlophe namabala amnyama ngase mehlweni azo. Intamo yayo ende inamabala bala amhlophe namnyama ahla ngamacala. Zinoboya obuhla mgomhlana obude bu 3- 10cm, zina mazinyo angamashumi amane. Ubude bomzimba usuka entloko ngu 680 – 890mm umsila uwodwa unobude obu 45 -63mm ubunzima buphakathi 7 – 20kg. Umbala umnyama namhlophe okanye amabala, imigca emthubi. Uboya obude emsileni, namazinyo amakhulu angasemva.

Ukutya

Zitya indidi nge ndidi zenyama, izinambuzane, iziqhamo kunye nezityalo. Iinkukhu namatakane eegusha aye atyiwe sesi silwanyana. Sizingela ngobusuku siqala nje emva kwe yure kutshone ilanga ukukhangela izityo zaso.

Inzalo

Iimazi ziqala xa zino nyaka omnye ubudala kukukhulelwa, zikhulelwa amantshontsho amabini ukuya kwisine ngexesha. Ziyakwazi ukukhulelwa noba kukabini okanye kathathu ngonyaka.Amantshontsho avele sele enoboya kodwa buba mnyama kakhulu kwaye buthambile.Amantshontsho avela ekhasa aze azame ukuma ngemilenze yangasemva emveni kwentsuku ezintlanu. Ziyakwazi udlala emva kwee veki ezimbini zishiye ikhaya usuka kwintsuku ezi 17 -18. Amantshontsho ancanciswa yimazi de kube ziiveki ezintandathu ze ziqale uhlafuna okunye ukutya emva kwee ntsuku ezi 42, kwisithuba see nyanga ezimbini amantshontsho azingela ngokwawo.

Ukuziphatha

Ziyathanda uzihlale ngaphandleni kwa xa zihlanganiswa iinkunzi neemazi, nazo zivuka ngobusuku kwaye ziyazifihla, ukwakha umda ziye zigudle ivumba lazo langasemva ubude 350 mm usuka phantsi elivumba lihlala ithuba elizinyanga ezintathu. Zinendlela yobona neyovana leyo yindlela yazi yoqhagamshelwano. Ivumba lazo liyazisa uba kukho imazi elungelwe ukhuleliswa. Zithobile/ zinyabile ubukhulu becala.

Ikhaya

Icivets zihlala emahlathini nase ndle kumabala aphangaleleyo kodwa afumileyo anengca ende ukuzikhusela ngethuba lase mini. Azifumaneki kwindawo ezomileyo zithanda indawo ezifumileyo ezisecaleni kwamanzi. Indawo eyomileyo ziyisebenzisa xa zizala, noxa zihlala endaweni eyomileyo ziyawathanda amanzi zikwazi nokuqubha/ ukudada.

Zifumaneka Phi?

I civeti ezi zifumaneka ku emahlathini ku Mzantsi Afrika nase Mbindini we Afrika, zinqabile kwindawo ezinembhalela ezomileyo kodwa ngase milanjeni koo Niger, Mali ne Chad.

Amarhancwa

T Civet Zibulawa kakhulu, zii ngonyaman, Hyena ne ngwe.