Chenin Blanc

© Glenneis Kriel

Inkcazelo

I-Chenin blanc ludidi olumhlophe lwesiselo somdiliya esisetyenziswa kwimveliso yesiselo somdiliya sase tafuleni, isiselo somdiliya esihlwahlwazayo kunye nesiselo somdiliya esibilisiweyo, ezifana ne-pothi, isherri kunye nebranti. Iyeyona ntlobo yewayini etyalwa kakhulu eMzantsi Afrika. Uhlalutyo lwe-DNA luchonge iSavignin njengo mzali wayo. Enye intlobo yomzali akunasiqinisekiso ngayo.

Imvelaphi

I-Chenin blanc ivela pha kummandla wase Anjou-Touraine kwindawo yase France. Oludidi belwaziwa njenge Chenere, kodwa igama layo latshintshwa pha kwinkulungwane ye-15th ibizwa nge Chenin blanc, lithiywe emva kwentaba yakulondawo ebizwa iMont Chenin.

Amanyeamagama

Franc-blanc, Franche, Pineau, Pineau de la Loir kunye ne Pinto Blanco. E-Mzantsi Afrika ibizwa iSteen ngamanye amaxesha.

Imvelisoe MzantsiAfrika

Kukholelwa ukuba iChenin Blanc ludidi lokuqala olusikwe kumdiliya ukufika eKapa ngexesha lika Jan van Riebeeck.

Ixesha elide yayibizwa nge Steen futhi kukholelwa ukuba iludidi olukhethekileyo lwase Mzantsi Afrika, ukufika phakathi eminyakeni ye-1960s apho uProfesa CJ Orfer, owayeyintloko yecala lokulima umdiliya kwi yunivesithi yase Stellenbosch, wafumana ngaphandle kwentandabuzo ukuba yiyo iChenin blanc. Izizathu ezininzi zinikiwe ukuba kutheni abantu base Mzantsi Afrika beyibiza nge-Steen.

Umphathi u-Simon van der Stel, wayecinga ukuba lomdiliya uvela e-Jemeni kwaye wayifanisa nodidi olusemgangathweni lwesiselo somdiliya ekuthiwa yi-German Stein.

Enye inkcazelo ibonisa ukuba yiyo undoqo okanye ngesibhulu i“hoeksteen”xa kufikwa kwishishini lweziselo somdiliya lwase Mzantsi Afrika ngenxa yekhono layo lokusetyenziswa kwizinto ezininzi kunye nokwazi ukumelana neendawo ezininzi.

Indawo ye Mveliso

Ityalwe kuzo zonke iindawo zemveliso yeziselo zomdiliya e-Mzantsi Afrika, ezona ndawo zinkulu kwimveliso yi-Breedekloof, Olifants River, Paarl, Swartland kunye ne Worcester.

Ukukhula

Idiliya zikhula zithe chu ngamanye amaxesha ngamandla, umlinganiselo wemveliso ephumayo isuka pha kwi hektare eziyi 22t ukuya kwi hektare eziyi 23t.

Ukuvuthwa

Idiliya zivuthwa phakathi kwe sizini, ukusuka kwisiqingatha sesibini kweyo Mdumba.

Amaqunube

Amaqunube mancinci, anxazonke kwaye anombala oluhlaza lubhelu. Isikhumba sithambile futhi sinqinile. Umphakathi unejusi emnandi.

Amagqabi

Amagqabi aphakathi ngesiqu, anamajikijolo amathathu kwaye ambala omnyama luhlaza.

Izinambuzanene Zifo

Idiliya azikwazi ukumelana ne-botrytis, umbolo omuncu, ixoshombe elingumgubo kunye nelintofontofo. Ukuyihluma kwayo ekuqaleni kuyenza ibenkenenkene kwi qabaka yase-Ntwasahlobo.

Intsebenziso

Ikhe yabizwa nge hashi-lomsebenzi e-Mzantsi Afrika, ngokuba isetyenziswakwimveliso yeziselo zomdiliya ezomileyo ngendalo ukuya kwiziselo zomdiliya ezimhlophe, eziswiti ngendalo, ezihlwahlazayo kunye neziselo zomdiliya ezibilisiweyo.

Iyasetyenziswa njengo mxube kwiintlobo zezinye izilimo. E-Mzantsi Afrika ithathwa njenge yona mveliso ephambili yeziselo zomdiliya ze-Chenin blanc ezisemgangathweni kwi lizwe lonke.

Incasa

Abalimi abakwiindawo ezipholileyo njengase Elgin, bavamise ukuvelisa iziselo zomdiliya we Chenin blanc ezibilisiweyo, ezimbala olamoni luhlaza ezinambitheka njenge siqhamo. Abalimi abakwiindawo ezishushu ezifana ne Stellenbosch ne Francisco bavamise ukusebenzisa ukhuni kwimveliso yeziselo zomdiliya ezimbala ogolide kunye nezinambitheka zishushu.Translated by Aviwe Damane