Buffalo Thorn
umuNga

© Shem Compion

Igama

umuNga

Igama lesi-Latin

Ziziphus mucronata

Inkcazelo

Lo ngumthi onamagqabi avuthulukayo kwaye ukhula abe mde abengange mitha eziyi-17. Ukhula ngokukhawuleza, unamagqabi avuthulukayo, imbalela kunye neqabaka azina nto kulomthi. Umphandle walomthi urhabaxa kwaye umnyama bungwevu ukuya kumbala ontsundu.
Iintyatyambo ziyamenyezela ziluhlaza, kwaye zifunyanwa kwimbumba ekhasa phakathi kwamagqabi. Iintyatyambo ziyafumaneka pha kweye Dwarha ukuya kwekaTshazimpunzi, iziqhamo zona zifumaneka pha kweyoMdumba ukuya kweyeThupha. Ameva wona afumaneka engamaqabane pha kwizihlahla zemithi, elinye imeva lona liyabambeka.
Ngamanye amaxesha imithi emidala iyaphulukana nameva wayo. Iintyatyambo zibiza izinambuzane, zibize nee-ntaka ezitya amaqunube walomthi. Yenza uthango lokubiyela kuba ameva wayo ayasokolisa ukuwakhulula xa ephithene ingakumbi xa esemancinci ngoba elinye likhomba phezulu elinye likhombe ezantsi. Zinamagqabi akhanya luhlaza kungoko igama layo lesiBhulu i-Blinkblaar.

Intsebenziso

Izihlahla zalomthi zisetyenziselwa ukukhusela ubuhlanti ngamanye amaxesha kumangcwaba wabantu. Iinkuni zisetyenziswa ukwenza izinto okanye ukwenza amafutha. Amagqabi angaphandle kwaye iingcambu zisetyenziswa ngenge yeza nanje ngomlingo ukunceda iintlungu, okanye izifo ezisulelayo ingakumbi intlungu zesifuba okanye isisu. Xa amagqabi wayo ekhandiwe, ayakwazi ukuphelisa ukopha. Ezinye iintlanga zikholelwa ukuba lo mthi uyakhusela xa libaneka.

Zifumaneka phi

Zifumaneka ukusuka e-Arabia ukuya e Ntshona Koloni.

Impawu zasendle

Lomthi waziwa njenge Blinkblaar ‘yima kancinci’ into ethetha ukuba igqabi elimenyezelayo liyalinda kancinci futhi lithetha kwanga meva emithi anzima ukuhlukaniswa xa ehakishekile. Lo mthi udla indima enkulu kwinkolelo zabantu base Afrika, amaZulu wona asebenzisa isihlahla salomthi ukuthwala umoya womntu oswelekileyo ukusuka kwindawo yokufa ukuya kwingcaba lakhe. Xa kuhanjwa ngemoto isihlahla sibekwa kwesaso isitulo kude kuyo fikwa apho kuywa khona. E-Botswana kukholelwa ukuba lomthi ukhusela abantu xa libanekayo.