Aquaponics: Isisombululo seeNgxaki Zokutya

I-Aquaponics Kunye ne Green Revolution

©Henk Stander
Ihlabathi lisenokujongana nokunqongophala kokutya okungamandla ukuba akukho manyathelo athathwayo ukuthintela ulimo nofuyo olonakalisa indalo. Lo yayingumyalezo kwingxelo ye
World Wide Fund for Nature (WWF), nebonisa ukuba uMzantsi Afrika uzakuvelisa ngaphaya kwama 50% okutya okuza kondla isizwe seli lizwe esingaphaya kwama 73 million ngethuba kufika iminyaka yama 2050.
Ingaba i-aquaponics zidlala ngendlela yokutya nenokuba sisisombululo sokunqongophala kokutya eMzantsi Afrika?
Ikomiti ye European Union Parliament's Science Committee ikholelwa koko. Kwingxelo yabo yangomnyaka ka 2015, i-aquaponics yayidweliswe njengenye kwezili 10 ezihamba phambili zophuhliso lwe tekhnoloji nezinoku phucula ubomi babantu kwiminyaka engama 50 elandelayo.
Umhlaba usondele kwindlela yokuvelisa ukutya egqibeleleyo. Ngaphezu koko, ushishino lwezolimo nofuyo lungena kwi green revolution yayo yesibini- oku kuthetha ukuba kuzakufuneka sibe krelekrele kwaye sifumane indlela zokuvelisa ukutya okuyilungeleyo indalo.
Utshintsho kunye ne tekhnoloji yale mihla oludingekayo lwale green revolution sele lukhona, oku kuquka namandla alungele indalo. Abavelisi kunye nosomashishini bezemfuyo nezolimo kufanele bokhe iindlela zokuvelisa ukutya okusempilweni ngokuthi bathathe amanyathelo obunkokheli, asekelwe kubathengi kunye nobambiswano phakathi kwamaqela anombono omnye kunye neengcali ezinokuthi zifake ulwazi kweli shishini. Uphando kunye nenkqubela phambili kufuneka zidityaniswe kwiindlela zemveliso kwaye ezindlela zemveliso kufanele zijongane kakhulu nokukhula kwemveliso.

Yintoni I-Aquaponics?

©Henk Stander
i-Aquaponics yindlela yemveliso nethi ivelise ukutya okungenazikhemikhali namachiza ngamaxabiso afikelelekayo. i-Aquaponics kukufywa kwezilwanyana ezihlaa emanzini acocekileyo ezifana neentlanzi kunye ne lobster. Ezi zilwanyana zigcinwa kubuchule be aquaculture abamanzi aphumayo ze aphinde abuyele kwitanki/inkonkxa enentlanzi ze aphinde abuye kulo kwakhona. Olu fuyo lezi zilo zamanzi ludibanisa nokuveliswa kwezityalo ngaphandle komhlaba kwi hydroponic system.
Iintlanzi eziku buchule be aquaculture zinobudlelwane obuhambelanayo kunye nezityalo. Ilindle leentlanzi luzele zii phosphate kunye neye nitrogen inyibilike emanzini, kwaye inyibilikiswa yintsholongwane eyenziweyo nengenabungozi. Eli lindle lisebenza njengezinongo kwizityalo. Ezi zityalo ke zona ziye zicoce amanzi ngaphambi kokuba abuyiselwe kwiintlanzi. Akukho kungcola kuphumela ngaphandle. Kongiwa amanzi akumlinganiselo ongama 90% kwi aquaponics kunaxa kulinywe entsimini.

Uqeqesho ne Mfundo nge Aquaponics

©Marinda Louw
Kucetyiswa kakhulu ukuba amafama asakhasayo e-aquaponics angene kwinkqubo yoqeqesho ngaphambi kokuba aqale ifama ye aquaponics. Kukho amaziko aliqela anika ngeenkonzo zoqeqesho lolimo lwe aquaponics eMzantsi Afrika. Umbutho obizwa nge Aquaponics Society of South Africa une webhsaythi enikisa ngeenkcukacha nenkxaso kumafama asakhasayo nasele ekhulile e-aquaponics.

Translated by Zizipho Silwana