Amaqunube iiBrambles eMzantsi Afrika

Kwimveliso yama qunube, uhlobo ibrambles lijolise kwi rasbheri, iqunube elimnyama (blackberries) kwaye kuzo kufumaneka itayberries ne loganberries.

Owona mahluko phakathi kwe rasbheri namaqubune amnyama, kukuba rasbheri ziyasuka kwisiqu somthi xa sele zivuthwa, loxa wona amaqunube amnyama ehlala kwisiqu somthi. Isiqu sishiya umngxuma kwi rasbheri kodwa ziyatyiwa kwaye zidityaniswe namaqunube amnyama. Izigaqa ze tayberries ne logan berries, ngokufanayo ne blackberries, zihlala kwiqunube xasele zikhiwe.

Imveliso yentengiso yamaqunube aluhlobo lwe bramble isencinci kwelo Mzantsi Afrika, kodwa iyonyuka ngenxa yokukhula kwezidingo zokutya okusempilweni. Ezi zityalo ziye zenze ameva adinga ilanga kakhulu kwaye, kuxhomekeka kuhlobo, ayasikwa ukuze kuvelise imveliso eneziphumo ezibalaseleyo. Zikhula kakuhle kwimihlaba ekhamekileyo ene asidi engu 5.6 - 6.2 pH.

Translated by Zikhona Plaatjie

Amaqunube Amnyama

Eyona ntsusa yama qubune amnyama ayaziwa kuba zininzi iintlobo ngeentlobo eziveliswa kwilizwe jikelele. Zifumaneka kakhulu e-Eurasia naku Ma...more

iiRasbheri, Mzantsi Afrika

Imvelaphi ye rasbheri ikumazwekazi ase Asia, North America, kunye nase Europe. Zaqala ukonwatyelwa kwilizwe lase Greece ukusukela kwiminyaka...more