uMsasazi uBenjamin Pogrund ngo Piet Beyleveld

uMandela uLilungu

©Eric Miller

Owalandulelayo uPiet Beyleveld wayeyi nkokheli kuma Bhokobhoko, umbutho womlo wesibini, owayesakuba ngumsebenzi okwakuthathwe indawo ngama komanisi. Exesheni wabangu Mongameli we Congress of Democrats, amakomanisi amhlophe awayesekwe nje nge Congress Alliance ne ANC.

uBeyleveld wayethandeka, enenyaniso, kwaye ezimisele ekuchaseni nengcinezelo. Amapolisa ezokhuseleko amalela, ze wajikela abo waye Sebenza nabo wavuma okokuba wayelilungu lombutho ususela ngo 1956 walingqina okokuba ba banjwe. Emveni kwexesha ndahama ndayokuthetha naye. Wathetha ngoku khululeka wachaza nge nkomfa yombutho yokugqibela awayingenayo, eGoli ekuqaleni kuka 1960.

Wanikeza ngolwazi loku uMandela wakhona, kwaye wakholwa, de wanyulwa kubulungu ne komiti. wathi uvoto yimfihlo kwaye amagama ekomiti akufunekanga aziwe nakumbutho. Ngelo xesha ezinkcukachaza zazibalulekile ziluncedo. uRhulumente wayefuna ukuveza okokuba uMandela wayeli Komanisi okanye wayekhe wali Komanisi. Kodwa andizange ndichaze iinkcukacha zika Beyleveld, endaweni yoko ndayivalela engqondweni: Ndandingayazi okokuba Amapolisa okhuselo ayemenza inzipho zekati kwaye ndandizimisele okokuba andisokuze ndivume bandisebenzise ukungcatsha uMandela.

Ibali lahlala liyimfihlo. Ngo nyaka ka 2007, uPadraig O’Malley, kwingxelo ngo Mac Maharaj, owayebanjwe no Mandela, ulinganisa amalungu ombutho esithi uMandela, wayelilungu, ixesha elifutshane. Kwavela, kwiminyaka engamashumi amane emva koko, okokuba uPiet Beyleveld wandixelela inyaniso.

Translated by Zikhona Plaatjie

Nelson Mandela The Conciliattor By Raymond Louw

Yilonto uMongameli wase Mzantsi Afrika uNelson Rolihlala Mandela awayenzayo, kwiminyaka emihlanu emveni kokuba iminyango yentolono yavulwa w...more