uLwazi Oluphangaleleyo nge Sweet Pepper

© Louise Brodie

Igama lesayensi: Capsicum Annuum
Amagama aqhelekileyo: Sweet Pepper okanye Bell Pepper

Inkcazelo Ngesityalo

i-Sweet Pepper sisityalo esithandekayo esinamagqabi ambhoxo ahlaza abhityileyo ekugqibeleni. Esisityalo sisityalo esikhula ngexesha laso lokukhula siphinde sife emveni kwexesha lemveliso yeziqhamo. Kukhona ezihlaza, bomvu, mthubi, mhlophe, mfusa, mdaka no orenji ngombala iintlobo ze pepper. Zikhona ezibukumila njenge sisu yiyolonto kukho igama elithi bell pepper, Zikhona ipeppers ezitsolo kunye nezincinci.
Zikhona iintlobo ezintsha ezivelayo, ezikwaziyo ukuphinda zilungiselelwe ukuvelisa izikhondo esitsha, amagqabi, iintyatyambo, ziqhubeke ukuvelisa iziqhamo rhoqo. Zityalwa kakhulu kwindawo ezishushu okanye kwindawo zezityalo ezivumela ixesha elide lokuvelisa.

Imisebenzi

Ipeppers zisetyenziswa ekuphekeni ukwandisa incasa kwinyama okanye imbiza yemifuno. Ziyatyiwa zikrwada kwi salads zinga rostwa okanye zibhakwe, zihlohlwe ekuphekeni izinto ezahlukile. Zidume ngokuba phezulu ku vitamin C ngokuphindene kathathu kwi orenji.

Imfuneko Zomhlaba Nokuwulungisa

Zidinga umhlaba ochumile onesanti nodaka, okwaziyo ukuhluzeka kakuhle. Iingcambu zifumaneka ngaphezulu nge 30 cm yomhlaba azidibani nembalela, nendawo ezinamanzi amaninzi. Unkcenkceshelo kufuneka lulawulwe kakuhle. Kufuneka kubekho umgquba olungileyo emhlabeni, okanye kuxutywe imanyora phambi kokutyala. Umlinganiselo we pH emhlabeni kufuneka ubengu 6.2 no 7.0 xa zisondele kwi pH yendalo kungona zikhula kakuhle kakhulu.

Isimo Sezulu

Ipeppers zithanda isimo sezulu esishushu kwaye azidibani nekhephu kwaye ukukhula kuyaphazamiseka kakhulu xa ubushushu bungaphantsi ko 15 degrees celcius. Zikhula kakuhle xa ubushushu base busuku nasemini kutshintsha phakathi ko 20 ukuya ku 30 degrees celcius. Xa isiqhamo siqala ukudubula siye sikhethe isimo sezulu esomileyo esigenamvula njengoko imvula izisa ukungunda neengxaki kunkcenkceshelo.

Izilimo

Izilimo zingapha kwekhulu, kodwa nazi ezimbalwa: Carlifonia Wonder, King of the North, Jupiter, Pip, Chocolate Beauty, Keystone, Florida, Banana, Marconi Red, Ballito Sweet Golden, Cape Medallion Cherry kunye ne King Arthur. Zikhona ke intlobo ezisantshulayo, zikhululwe rhoqo ukubamba nokuqinisa unyamezelo ngokuchasene ne zifo neenkumbi. Kucetyiswa ukunxulumana nalowo usebenza ngezolimo nokukhulisa izityalo kufuphi nawe ukufumana izilimo ezilungele imeko zomhlaba kwizilimo zakho.

Translated by Zikhona Plaatjie