uLawulo Lwesimo Sezulu – uMoya noku Fuma

© Glenneis Kriel
Okunye okubalulekileyo njengokugcina iinkukhu kubushushu obuzilungeleyo, ukungena komoya nokufuma kwindlwana kufuneka zihlale ziphantsi kolawulo.

Ukungenisa Umoya

©Glenneis Kriel
Ngokwencwadana ebhalwe ngu Ross Broiler, ukungena komoya yeyona ndlela yokulawula indawo ezihlala iintaka: inceda ukugcina umoya ngoxa isusa ukufuma, inciphisa uqhamko lwezinto ezinokuthi zenzakalise zigulise intaka, kubalulekile ukuzigcina kumaqondo obushushu azilungeleyo. Xa intakaisencinci, ifumana ubushushuukuzigcina zishushu zihleli kakuhle kwaye umoya owaneleyo kwindlu yonke. Xa intaka ikhula ivelisa ubushushu obungaphezulu, umoya ongaphezulu uyadingeka ukususa ubushushu nezinye ezinye eziphefumlayo endlwini. Zimbini indidi zokungenisa umoya, ngoku bhalwa ngu Ross.

Umoya Wendalo

©Glenneis Kriel
Ukungena komoya wendalo kuxa unendlwana evulekileyo ecaleni, nomdiyadiya, igqumekile, okanye amacango emacaleni. Lemidiya diya nesigqumathelo okanye ivulwe ukulawula umoya ongena uphuma endlwini. Kungasetyenziswa ifeni ukuhambisa umoya ngokulinganayo endlwini. Amanye amafama asebenzisa izishushubezi (iheater) ukwenza shushu okanye izifafazi manzi ukuthoba ubushushu.
Kunzima ukucingela isimo sezulu endlwini ngoluhlobo, ngoba indlu ivelile kubushushu bangaphandle. Ngoku ka Ross, umoya wendalo usebenza ngcono xa ubushushu bangaphandle busondele kubushushu bangaphakathi endlwini.

Indawo Yokungena Umoya, Kwindawo Evalekileyo

Ezizixhobo zokungenisa umoya zisetyenziswa kwizindlu ezinamadonga ecaleni, okanye imidiyadiya evaliweyo xa kusetyenzwa. Ifeni ziyasetyenzisa ukungenisa umoya endlwini. Iyabiza ngokwemali kodwa ivumela abavelisi babenolawulo lwesimo sezulu endlini.

Ukufuma Okungathangani

©Glenneis Kriel
Ukufumana okungathangani kubhekisa kwizinga lomphunga emoyeni. Xa kusetyenziswe izishushubezi (heater) ziye zenze izinga lokufuma lehle, oku kuye kwenze abantu basokole ngolusu olomileyo nempumlo ezomileyo. Ezi nkukhwini ukufuma okungaphantsi kwe 30% kwenza okokuba isifuba some, yenze intaka zibengama xhoba wezifo zesifuba. Intaka ziyadikwa zibenomsindo, ngokutsho kuka Hyline.
Izinga lokufuma eliphezulu, kwelinye icala kwenza kubelula ukuvelisa intsholongwane nendawo ezibolileyo. Ukubila okuthile kwindlu yenkukhu kufuneka kube ku 40% - 60% xa inkukhu zisencinci. Intaka zongeza ukufuma xa ziphefumla, zibeka ilindle.
Lilonke, yintoni enokwenziwa ukwehlisa izinga lokufuma?
  • Sebenzisa ukuthenga ngobuninzi. (funda kabanzi ngoku) ubuninzi bentaka onazo ngokwe square meter, ziza kubeka ilindle, ziphefumle.
  • Lawula indawo zokulala uhlise izinga lofuma. Xa ungasebenzisi ndawo zokulala susa itela rhoqo kwindawo yemveliso.
  • Sebenzisa ubunzulu obulungileyo bendawo zokulala. Indawo zokulala ebusika kufuneka zityebe kunase hlotyeni.
  • Qinisekisa akukho ndawo zivuzayo endlwini. Jongisisa indawo zokusela, imibhobho, nesakhiwo ulungise apho kuvuza khona xa uthe wafumanisa.
  • Intaka kufanele zityiswe ukutya okusempilweni zigcinwe zisemandleni ukuthintela urhudo.

Kungenziwa ntoni ukunyusa izinga lokufuma?
  • Kungafafazwa amanzi phantsi.
  • Izifafazi manzi zingasetyenziswa ukongeza ukufuma emoyeni.

Translated by Zizipho Silwana