Ulawulo lwa Manzi

© Roger de la Harpe
The Gariep Dam forms the largest storage reservoir in South Africa, it supplies water to part of the Vaal, Fish and Sundays catchments as well as irrigation along the Orange River.
Amashumi asixhenxe (70%) omhlaba, ugqunywe ngamanzi. Amashumi alithoba nesixhenxe (97%) yawo onke amanzi, ngamanzi anetyuwa.
Ngaphantsi kwesithathu sepesenti (3%) yamanzi amatsha acocekileyo, kuphela ngumlinganiselo we 0.3% ngamanzi angaphezulu afikeleleka lula kuthi ukuze siwasele okanye siwasebenzise kwimveliso yokutya nako konke esikuvelisayo ukuze siphile. Okuseleyo:
69% - Akhenkcezisiweyo
0.7% - Ase moyeni
30% - Ngaphantsi
Amanzi anqabile. Amanzi awayekhona apha emhlabeni kwizigidi zeminyaka ngaphambili asekhona nangoku kwaye awazokwanda. Okufuneka kutshintshe yindlela esiwasebenzisa ngayo ukuze sihlale siphila. Kufuneka sifunde ukuba singadlali ngawo. Kumanzi amatsha acocekileyo esiwasebenzisayo:
70% isetyenziselwa ezolimo
20% isetyenziselwa imizi mveliso kunye
10% namakhaya nokusela nokupheka
Ukuze sivelise amanzi kufuneka sihlale sizama okutsha ukufumana iindlela zokusebenzisa amanzi amancinci kwaye singadlali ngamanzi kwimveliso yokutya kwethu.
Ukuvelisa ikilogram yenyama yenkomo kuthatha 15 000 yelitha zamanzi okanye 15 m³ zamanzi
Ukuvelisa ikilogram yenkozo ze rayisi kuthatha 3 500 yelitha okanye 3.5 m³ zamanzi.
Sinethamsanqa ke kuba kwezolimo zale mihla, ukuzama indlela ezithile zokwenza izinto kusizisele indlela yokuqwalasela umlinganiselo wamanzi emhlabeni. Oku kwenza kubelula ukunkcenkceshela ngendlela zokunkcenkceshela ezintsha kwaye ezilula ezingenzi ilahleko yamani ezifana ne driphu yangaphezulu neyanga phantsi emhlabeni. Kodwa ke kusenjalo, ngapha kwama 60% wamanzi asetyenziselwa ukunkcenkceshelwa kwezolimo kudlalwa ngawo kwizinto ezingabhadlanga. Ngokuthi kuhlolwe ngempumelelo amanzi ashiyekileyo kwingcambu zezityalo ezohlukileyo, izakunceda ukuthintela ilahleko.

Ukukhongozela Amanzi Emvula Eluphahleni

Ukukhongozela amanzi emvula (‘rainwater harvesting’) awa kuphahla lwendlu ukuze asetyenziswe phakathi nekhaya okanye egadini; sisenzo es...more

Ukubaluleka Koku Khongozelwa Kwamanzi Emvula Kunye Noku Londolwaza Kwe Ndalo

Ukungakhathalelwa komhlaba kunye nokugecwa kwa mahlathi kukhokelela kukhukuliseko lomhlaba kunye nokuhla komgangatho womhlaba....more

Unkcenkceshelo

Unkcenkceshelo yindlela yokugalela amanzi emhlabeni ekutyawe kuwo izityalo. La manzi angahamba ngemibhobho, imingxunya okanye imisele, ukulu...more

Iindlela Zokumeta Ubumanzi boMhlaba

Kubalulekile ukubazu ubumanzi bomhlaba ukuze umlimi ankcenkceshele ngexesha elifanelekileyo. Nokuqinisekisa ukuba kukho amanzi oneleyo emhla...more

Iindlela Zokukhongozela Amanzi Emvula

Zintathu iindlela zokukhongozela amanzi emvula. iMacro-catchment kukuqokelelwa kwamanzi emvula ngaphandle efama....more

Imithombo yaManzi, Ukugcinwa, Ukutsalwa Kwamanzi kunye noku Mpompa

Onke amanzi afikelela ngaphezulu emhlabeni ngendlela ezohlukileyo, ezifana nokhephu, imvula, amaqhwa okanye inkungu. Mibini eyona mithombo y...more

Kukuthini Ukuvunwa Kwamanzi Emvula?

Ukuvunwa kwamanzi emvula kuhambisa amanzi emvula asuka kuphahla lwezindlu okanye lwezakhiwo, okanye ahamba emhlabeni ngemibhobho/gutters aze...more