Ukufuywa kweNyama yeBhokwe eMzantsi Afrika

© Gerrit dos Santos

Iibhokwe zivelisa ifibre, isikhumba kunye nobisi, kodwa eyona njongo yokufuya iibhokwe kukuvelisa inyama. Oku kubangele ukuba iibhokwe ezifuyelwa inyama ibe zezona zininzi kwiibhokwe zonke ezikhoyo ehlabathini.
Inyama yebhokwe ithatyathwa kwiindidi ezahlukeneyo zebhokwe ezifana nebhokwe zohlobo lweBoer, iibhokwe zemveli, kwakunye ne Angora kunye ne milch (ibhokwe zobisi). iChevon ikwasuka naku matakane ebhokwe azinkunzi. Ezinye iimveliso zebhokwe ezifana nezobisi kunye ne mohair zisenokubonwa njengemveliso zokuqala okanye zesibini kuluhlu lwenjongo yokufuya iibhokwe.
Imveliso elungiselelwe intengiso yebhokwe efuyelwe ubisi okanye ifibre ixhomekeka kwixabiso lentengo lezi mveliso- Ngamanye amagama, iibhokwe engehlisi ngokwaneleyo okanye iibhokwe ze fibre ezindala ziye zixhelwe ukuze kuthengiswe inyama yazo. Ukuxhelwa kweebhokwe, ngezizathu zamasiko, sesona sizathu sibangela ukufuywa kwebhokwe eMzantsi Afrika. Ukwenza lamasiko kuye kusetyenziswe iibhokwe zohlobo lweBoer kunye nezohlobo lwe Angora esele zindala (nezifumaneka ngamaxesha athile kuphela).
Unintsi lweebhokwe ( ingakumbi ezemveli okanye eziyimixube yendidi ezimbini) ezisetyenziselwa imveliso yenyama eMzantsi Afrika, zixhelwa ngendlela yakudala kwaye zisetyenziselwa amasiko esintu kunye nezenkolo. Abe Boerbok SA bacebisa ukuthengiswa kweebhokwe ezineenyanga eziphakathi kwesi 3 kunye ne 12 ubudala ukuze kufumaneke inyama yomzimba enobunzima obungagqithanga kuma 23 kg.
Ngokwe Sebe lase Mzantsi Afrika: Ezolimo, Amahlathi, Nokuloba (Agriculture, Forestry and Fisheries (DAFF)) iibhokwe zifumaneka kulo lonke eli. Izibalo zazo kumaphondo elizwe zimi ngolu hlobo Ntshona Koloni (39%), Limpopo (18%) kunye naKwaZulu-Natal (13%). La ke ngawona maphondo ahamba phambili ekuveliseni inyama yebhokwe/ ekufuyeni iibhokwe. Xa zidityaniswa ezi pesenti zala maphondo, zifikelela kuma 70% webhokwe zonke eziphilayo eMzantsi Afrika uphela (ngokwe saveyi ka 2017)

Ukuxhelwa kwe Bhokwe

Kuqikelelwa ukuba siphakathi kwe 0.5 ukuya kwi 5% isibalo sazo zonke iindidi zebhokwe ezixhelwayo eMzantsi Afrika nezixhelwa kwizilahra ezisemthethweni. Iibhokwe ezisetyenziswa kwezenkolo, zithengiswa ziphila zize zixhelwe ngokwesithethe. Iibhokwe zixhelwa ngendlela ethile emitshatweni: Ngokwesiko lweentsapho, nalapho le nyama iye ityiwe ngabantu abathile bosapho.
Kwimisebenzi yemingcwabo, amagqirha kufuneka afunxe igazi lebhokwe aze afake entloko inyongo yebhokwe.
Emva kwemisebenzi yokwalusa inkwenkwe, abakhwetha babhiyozela ukudlulela ebudodeni ngokoja inyama yebhokwe bayitye nepapa.
Ngokubhalwe kwi Kalahari Kid Corporation, ukuxhelwa kwebhokwe ngezizathu zokuthengiswa kwamanye amazwe kuhambelana nemithetho engqingqwa ye Halal kunye ne ISO. Ezi bhokwe ziye zixhelelwe kwisilahra esinempepha ezisivumelayo ukuba zingathengiswa kwamanye amazwe esifana ne ZA105 kwindawo yase Groblershoop kwiphondo loMntla Koloni. Isilahra esise Colesberg naso siyasetyenziswa kwaye ukuba kukho isidungo kusetyenziswe eso sise De Aar.

Translated by Zizipho Silwana