Tsessebe

© Nigel Dennis

Igama

Tsessebe

Inkangeleko

Iinkunzi zinobunzima obungama 140 kg nobude obuyi 1.2 ukuma emagxeni. Kwaye zinobukhudlwana kuneemazi, zona ezi nobunzima obubalelwa kuma 120 kg.
Zozibini ezizini zikhula amaphondo, kodwa awenkunzi makhulu kakhulu. Xa ejongwe ngaphambili amaphondo akhangeleka okwe nyanga eliceba ukumila. Inobuso obumnyama namabala amfusa emagxeni, logama amanqina namantla omzimba angumbala abomvu-omdaka.

Isidlo

Ziphila ngokutya indidi ezahlukeneyo zengca. Zikhetha amagqabi ngaphezu kweziqu. Zikholwa yingca esandula kukhula, kwaye zitsalelelka kwindawo ezitshileyo.

Ukuzala

Zizala ngamaxesha athile onyaka, apha eMzantsi Afrika zizala phakathi kwenyanga ka Septemba/ Okhthoba. Zizala ithole libelinye ngexasha.
Zikhwelana esiphakathini senyanga ka februwari ziqhubeke de kufike eka Matshi. Ngelixesha lokukhwelana amatshamba nezimbo zenkunzi zibayinxaenye yesithethe seli lixa lokukhwelana.

Ukuziphatha

iiTsessebe zizilo ezihlala nezinye kwaye ubume beqela ngalinye buquka amaqela amancinci azalayo. Iqela ngalinye libanemazi ezintandathu ukuya kwishumi kunye namathole azo. Amaqela eenkunzi zodwa nenkunzi ezinobango lwemihlaba, ziye maxa wambi zibengama 30 ubuninzi.
Oku kuqapheleka ngakumbi kufuphi namanzi nendawo ezinengca elungileyo. Imihlambi ezalayo enamathokazi ayibophelelekanga endaweni enye. Kwindawo apho itsessebe ibakho khona kuvamise ukushinyana, iinkunzi zakha izibiyelo zohlobo lwe ‘lek’. Iinkunzi eziselula zakha amaqela wenkunzi ezingenamathokazi xa zinonyaka zizelwe kwaye ziyagxothwa kwimihlambi yazo.

Apho Zifumaneka Khona

Zikusapho olunye ne nkqu kunye ne nkomo yehlatgi, zonke ke ezi zibonakala ngomzimba ongalinganiyo ngendlela yokuba amagxa azo aphakamile kunamazantsi. Inye kuphela indidi ebalelwa kolusapho, efumaneka kule ngingqi.
Emzantsi Afrika itsessebe ifumaneka kuphela kumahlathi asemantla. Ingakumbi eKruger National Park kunye nezinye ii game reserve ezikweli phondo. Ziphinde zafakwa nakwezinye iifama zabucala ezine zilwanyana zasendle.

Iinkcukacha Ezibalulekileyo

Igama lesi Latin: Damaliscus Lunatus
Ubunzima (Imazi): 126 kg
Ubunzima (Inkunzi): 140 kg
Ubude (Imazi): 170 cm
Ubude (Inkunzi): 170 cm
Ubude bokumitha: 10 iinyanga
Inani lama takane: 1 takane
Ukulungela ukukhwelana: 26 - 40 iinyanga
Ubunzima ngethuba lizalwa: 11 kg
Ubume: Artiodactyla
Usapho: Bovidae
Isantya Sokubaleka: 60 km/h
Iimphondo: 35 cm (ushicilelo- 47 cm)
Ukuzala: Ithole elinye lizalwa ukuqala ngenyanga ka Septemba-Novemba emva koku mitha ithuba elingange nyanga ezi +/- 8

Imizila Yama Nqina

Xa zizula zigade iindawo zazo, iinkunzi ezilawulayo ziyanyantsula ukuhamba zize zimane ukushiya ubulongwe kwindawo ezithile. Zombini izini ziphawula iindawo zazo ngencindi, kodwa iinkunzi ezilawulayo zikwenza ngamandla oku.
Zikwa gudla namacala obuso bazo emhlabeni, ingakumbi kwisiduli sesanti. Zithi ziguqe ngamadolo ukwenza oku. Zombini izini zikrwela umhlaba ngee mpondo, ingakumbi emva kwemvula. Esi silwanyana sivelisa amathe aphawulawo ngamazinyo angaphambili. Kwaye iinkunzi ezilawulayo ziqhwaya umhlaba ukuphawula indawo yazo.