Scops Owl

© Shem Compion
African scops owl.

Isingeniso

Ezizikhova zaziza njenge zikhova ezinobuso obumhlople. Ngenxa yeempawu ezininzi ezahlukileyo kwezinye izikhova, ochwephesha bayibiza uhlobo lwayo olubizwa i-Ptilopsis. Esisikhova sihlala pha kwingingqi yase Afrika kumzantsi wase ndle.

Inkangeleko

Ingwevu kwaye incinci ngomzimba, inobuso obunomtsalane obumhlophe, umqukumbelo wayo umnyama iphinde ibe neendlebe ezinkulu. Amehlo wayo a-orenji. Iindlebe zayo zinkulu kunezinye izikhova. Zilingana nge 19 ukuya kwi 24cm (7.5-9.5'). Zinesihlwitha eside sendlebe nobuso obumnyama.

Itya ntoni

Njenga zonke izikhova, esisikhova esinobuso obumhlophe sithanda izinambuzane, nangona ziwatya namantshontsho entaka, amagundwane kunye nezilwanyana ezingenamqolo.

Ukuzala

Isizini yokuzala iyahlukana. e-Zimbabwe, yenzeka kweyeThupha ukuya kweyeNkanga. Emazantsi yenzeka phakathi kweyeKhaya ukuya kweyoMdumba. Zithanda ukwakha iindlwane zazo kwiindlwane ezishiywe ziintaka ezifana namajuba kunye nokhozi. Ngamanye amaxesha zisebenzisa imithambeka yomthi futhi zaziwa zithanda ukwakha iindlwane emhlabeni. Ayi 2-4 ayamenyezela, amaqanda abekwa ngekhefu, kuze kuqale ixesha lokufukama. Ukusuka kumhla wokubeka amaqanda, ukufukama kuthatha iintsuku ezi yi 30. Amantshontsho aqala ukuya emasebeni emva kweeveki eziyi 4 futhi aqala ukundiza emva kwentsuku emva koko.

Isimilo

Esisikhova sinobuso obumhlophe sithanda ubusuku kwaye sithanda izinambuzane. Luhlobo lwentaka olutya izinambuzane. Yintaka ethanda indawo izihlahla kunye namahlathi, ngamanye amaxesha zisebenzisa indlwane xa kulixesha lokuzala. Esisikhova sohlulwa sibe zindidi ezimbini, the izikhova zangoku kunye nezikhova zakudala. Kukho iindidi eziyi 40 zoluhlobo lwesikhova ezigcwele ilizwe lonke. Uninzi lwezi zikhova luhlala kwiindawo enemvula. Xa ezintaka zithe zaphazamiseka emini, zenza mide imizimba yazo zilale ngecala, lonto inceda ukuba zifane namasebe emithi alele kuyo.

Indawo yokuhlala

Kumatshitshilili nasemahlathini amakhulu. Kumahlathi e-Acacia kunye neendawo ezinamanzi.

Zifumaneka phi

Ihlala kuwo wonke umzantsi we Afrika pha ezindaweni ezinamanzi.

Igama lesi-Latin

Otus leucotis.