Roan

© Shem Compion

Igama

Roan Antelope [Hippotragus equinus]

Inkangeleko

Umbala womzimba ukhangeleka exhama, imizantsi yemilenze yona inebala elimdaka bumnyama. Linempawu ezimhlophe namnyama ezahlukileyo ezilapha ebusweni. Zine ndlebe ezitsolo.
Zonke ezesini zine mpondo ezinzima. Iinkunzi ziweyisha ama 270 kg futhi zilinganiswela pha kwi 1.4 m apha emagxeni. Iinkomo zona zincinci ziweyisha into epha kuma 170-210 kg. Zinemisila emide enoboya.

Itya Ntoni

i-Roan kakhulu zithanda isivuno sesabelo sengca kodwa ngamanye amaxesha simane sitya imithi kunye nemifuno. Zithanda ingca ende efumaneka emathafeni.

Ukuzala

Ezi-iimpala azinasizini ethile yokuzala futhi amathole wona azalwa emva kwexesha lokumithisa elithatha ixesha elingange veki eziyi 40. Kwinyanga yokuqala, ithole lifihlwa ehlathini xa ithole lidibene nomnye unhlambi, ziyahlangana zenze amaziko.
Kukhona izinga lokufa eliphezulu ingakumbi pha kumathole e-Roan, elifika pha kwi 80% kwiveki zokuqala emva kwe yesixhenxe. Kwi ncwadi ye Red Data, i-Roan ibekwe njengohlobo olusengozini.

Isimilo

Ezi-impala ziyathanda ukuhlala neemazi kwaye namathole amancinci zisenza eyona mfuyo ibalulekileyo. Kudla ngokuba khona inkunzi enye kuyo yonke imfuyo, ezincinci zona iinkunzi zenza awawo amaqela amancinci.
Kuyo yonke imihlambi kukhona abaphathi, iimazi ezigqamileyo zizo ezidlala iindima yobumama. IRoan Antelopes zisebenza kakhulu pha ekuseni.

Indawo Yokuhlala

Zithanda ukuhlala kwindawo enemithi kunye namathafa, iindawo ezivulekileyo ezinengca ephakathi ngesiqu, apho amanzi afumaneka lula.