oMakhulu – uLwamvila lwe HIV/AIDS kwi Ntsapho

uFelicia Mfamana uphulukene nabantu abaninzi abasondele kuye ngenxa ye HIV/AIDS, kuquka unyana wakhe, umzukulu oyindodana, ne ntombi. Ubalisa ngentlungu nokwamkela ukulahlekelwa ngoncedo lwabahlobo bakhe be GAPA (Grandmothers Against Poverty and Aids.)

uKusweleka Kwelungu lo Sapho

©Eric Miller

Ndandina bantwana abasixhenxe, amantombazana amahlanu, namakhwenkwe amabini. Intombi yam uNonkosi, nomzukulu wam uMihlali babe hlala nam oko wazalwa kwiminyaka emibini eyadlulayo.

Ndandifana nomama kuye ndimthanda kakhulu. Ngentsimbi yesihlanu kusasa waqala ukulila. Ndazama ukumthulisa, wangathi uyathula kancinci, ndambeka phantsi elele, ndahamba ndabamba isithuthi esiya ePinelands eKapa.

Ukubuya kwam wayethule engaphenduli. Wayeswelekile. Ndafonela ummelwane, indoda elungileyo ekwakuthiwa ngu Peter Nqoboka, owava umphefumlo ka Mihlali wathi, ‘Sele ehambile.’ Yena nenkosikazi yakhe bahlala phantsi nam sathandaza. Ukungena kuka Nonkosi exesheni, zange ndikwazi ukumxelela.

Waya kuye wathi, ‘Mama, uMihlali uyabanda.’ Kwanyanzeleka ndimxelele isizathu. uMihlali waye ne gcuwane lentsholongwane ka gawulayo ukususela ekuzalweni kwakhe. , kodwa ndandingazinto nge HIV ndandingayazi kutheni wayehleli egula.

Exesheni emveni kokusweleka kuka mihlali, intombi yam endala, uNomanani, wanditsalela umxeba engase Transkei ukundixelela okokuba uNonkosi- uMama ka Mihlali- unengqele embi kwaye akatyi kakhuhle. uNonkosi wayethe unentsholongwane ka gawulayo, kodwa ndandingaya zi okokuba ‘ukubanayo’ kuthetha ukuthini.Weza eKapa ezofumana uncedo loogqirha, wathi ke ufuna ukubuyela ekhaya.

Ndandimbona egcono kwaye ndingafuni ukumnyanzela ahlale, wahamba ke. Ndaba buhlungu, kakhulu ukusweleka kwakhe eTranskei. Nenye intombi yam, uNoxolo, yasweleka sisifo sentsholongwane ka gawulayo.

uPhikolomzi Mfamana

©Eric Miller

Xa unkosikazi kanyana wam omdala, uPhikolomzi, wandithumela incwadi echaza okokuba une TB (isifo sephepha), ndayokumbona eTranskei. Waye bhityile etatanyiswa noku phakama.

Wayengakwazi ukusebenzisa enye ingalo yakhe, kuba wayene stroke, kwaye andizange ndiqonde, waye ngakwazi kwa ukuthetha. Ndahlala inyanga ka July no August ndabuyela eKapa ngo September. Yinyanga leyo wasweleka ngayo. Lominyaka yokusweleka kwabantwana bam naba zukulu, yayimibi kum.

uKuya kwi GAPA

©Eric Miller

Ukuqala kwam ukuya kwi Grandmothers Against Poverty and Aids, ndalila, ndalila, ndicinga ndithetha ngokwenzeke kwintombi zam ezimbini, umzukulwana nonyana wam. Abanye oomakhulu bayaqonda, kuba lento inye yenzekile nakubo. Sithandaza sonke pha kwaye uThixo uyasinceda asiduduze ngoku shiywa ngabantwana bethu.

Oko ndaqala ukuya kwi GAPA, ndiyayiqonda okokuba i-Aids sisifo somntu wonke, hayi intsapho zethu kuphela. Siye sizive somelele, sinombulelo okokuba thina siphilile. Ndiya kwi GAPA ngolwesibini, ukufunda ukudanisa.

Sitya isidlo sakusasa siphunge phambi kokuba sidanise, emveni koko sitye isidlo sase mini. Si nithe, khroshe sidibanise nentsimbi. Ngolwezithathu, kukho iqembu lokuxhasa endlwini ka Mama uMbedla, kwisi talato sethu.

Omakhulu abalishumi elinesi xhenxe beza, besuka eSection A, B, C nako D eKhayelitsha. Baninzi omakhulu apha abayidingayo iGAPA. Ndade ndama enkonzweni ndaba khuthaza abanye omakhulu beze kwi GAPA, kuba iyasinceda kakhulu.