SQLSTATE[HY000]: General error: 144 Table './aatc/tiger_page_view' is marked as crashed and last (automatic?) repair failedoMakhulu be Grandmothers Against Poverty and Aids

oMakhulu be Grandmothers Against Poverty and Aids

uAlicia Mdaka no Beauty Skefile bacacisa ukuba i- GAPA (Omakhulu abalwa nentlupheko nentsholongwane yengculaza) ibuchukumisa kanjani ubomi babo kwaye ibanceda njani ukujongana neengxaki.

oMakhulu be GAPA

©Eric Miller

Ndandisiya kwi GAPA ndihlale phambi komabona kude, ndiphela ziintlungu. Omakhulu be GAPA bandisindisa. uGoldie Qhayiya yayingomnye wabantu oweza kuthetha nam, endibalisela okokuba abantwana bakhe abathathu basweleka njani. Wathi, ‘Alicia, unyana wam omncinci wasweleka ndimthume evenkileni wabethwa ngu mbane.

Omdala, uVusi, waseleka yi ngculaza, wasweleka ndisecaleni kwebhedi yakhe, yephuka intliziyo yam. Kwakhona uThumela wam wabulawa ngu gawulayo naye. Ndaba ngcwaba bonke. ‘wathi xa ebalisa ibali lakhe , elila naye, ndabona okokuba andinde dwanga. ‘uGoldie ukwamkele ukuhlupheka kwakhe kwaye womelele,’ ndacinga. ‘ilizwe lam alizuphela , uThixo unam, nam.’

Kancinci kancinci ndaphinda ndangu Alicia kwakhona. Xa ndixhalabile ekhaya, ndiye kwi GAPA ndibabalisele ngalonto, bandinike ukomelela, ukundiduduza endikudingayo. Andisokuze ndiyishiye iGAPA. Inzulu entliziyweni yam. Umhlobo wam osondele kakhulu kum kwi GAPA ngu Constance Sohena. Xa ndisengxakini, ndiya endlini yakhe. Siqale siguqe sithandaze, emva koko ndimxelele oko kundihluphayo. Ungoyena mama ndimthembe kakhulu.

iXesha lika Beauty Skefile kwi GAPA

©Eric Miller

Ndiyakuthanda ukuya kwi GAPA, iluncedo olukhulu ebomini bam. Sithetha kakhulu ngezinto ezisi khathazayo, kungekudala ube sele ulibele nokuba unezinto ezikuhluphayo. Lo uthetha le, omnye athethe enye, sonke sibe sesihleka. Ndandisiya yonke imihla xa abantwana bese sikolweni. Kodwa ngoku imilenze yam ibihlungu sisifo samathambo, andisakwazi ukuya khona.

Ngamanye amaxesha sewuyile, iminwe ayivumi kubamba kwanto. Xa ndikwi GAPA, ndenza iingubo zewulu no nopopi. Ndithunga ne mfitshi-mfitshi, okuthetha ‘izidlephu zamalaphu’. Ligama lesixhosa loku petsha. Ngamanye amaxesha ndithunga ngo matshini okanye ngesandla. Ndiyithunge ngokwam imiqamelo yebhedi yam, ngesandla. Ezinye izinto ndandingazazi ngoku ndandimncinci, ndizifunda ngoku ndimdala.