Imisebenzi ye Carob

© Keith McDuffee
Carob flour is sweet and tastes like chocolate and is suitable for baking. It has a low glycemic index which makes it suitable for diabetics.
Imithi ye carob (Ceratonia siliqua) ivelisa imibhuntshuntshu emtyibilizi okwefeke nejika ibentsudu xe sele ivuthwa. Le mibhuntshuntshu inencasa eswiti kunye neentanga ezincinci. Iintanga ze carob zizele ziswekile zendalo,iproteni, Vithamin A, B, iiminerali ezifana ne calcium, silica, iron kunye ne phosphorous kwaye iqulathe amafutha angaphantsi kwe 1%.
Emva kokuvuna le mibhuntshuntshu intsundu, ziyaqhekwezwa phakathi kukhutshwe iintanga. Emva koko ziyahlanjwa, zosiwe (nto leyo ibulala iienzymes) zize zicolwe. Umgubo ontsundu usetyenziswa ukwenza icocoa kodwa ngaphandle kokusebenzisa iswekile. Kodwa ke ayifani ne cocoa yesiqhelo, eyecarob ayinayo icaffeine, theobromine (nenokubangela intloko eqaqambayo) okanye ioxalic asidi.
Iflawa ye carob exutywe nobisi lwe skim olungumgubo, amafutha emifun kunye ne soy lecithin zivelisa isiqholo se carob nesinokusetyenziswa ekutyeni okuninzi.
Abe Permaculture News bacebisa lendlela ilandelayo yokuzenzela umgubo weentanga ze carob. Hlamba imibhuntshuntshu evuthiweyo (entsundu) uze uyibilise kumanzi awoneleyo nje ukuba ayogqume. Yibilise de ithambe. Ukuyipheka kuyenza ithambe kwaye kwenza kubelula ukuyivula ukhuphe iintanga ezingaphakathi. Nqunqa lemibhuntshuntshu uyicukuceze wakugqiba uyomise ngaphambi kokuyicola ibengumgubo.

iGum yeeNtanga zeCarob

Iintanga ze carob ziqulathe isibalo esifikelela kuma 35% egum, nethi isetyenziswe ekuvelisweni kwe zincamathelisi (adhesives), iikhosmethiki, pharmaceuticals, isepha zokuhlamba ezibulala iintsholongwane (detergents), ipeyinti, inki, ipolishi yezihlangu, kwimveliso yamalaphu, kumaphepha efoto, kwizibulali zinambuzane kunye nakwimicinga yeematshisi. Ikwasetyenziswa nasekusukeni kwamafele.
Kwimveliso ye rekeni (rubber latex), ilocust bean gum iyagalelwa ukwenza izinto eziqinileyo ukuba zidade ngaphezulu. Ikwasetyenziselwa ukuncamathisela amaphepha okanye ukujiyisa intlama ye silkscreen.
iGum yentanga ze carob (nekwabizwa nge locust bean gum) isetyenziswa kakhulu kwiimveliso zokutya ukujiyisa kunye noku stabiliser ii-emulsions ekutyeni okufana nemveliso ezibhakiweyo, ice cream, salad dressings, sauces, salami, inyama enkonkxiweyo kunye nentlanzi, ijeli kunye ne mastadi.
Le mibhuntshuntshuinga hlafunwa njenge lekese. Kwimizi mveliso kungenziwa ngayo iflawa efana ne cocoa, nenokugalelwa kubisi olubandayo okanye olushushu ukuze iselwe, ingadityaniswa nengqolowa kwenziwe isonka okanye ikeyiki zepani, kwaye iyasetyenziswa nakwizidlo zakusasa. Iflawa ecolisisiweyo isetyenziswa ekwenzeni iilekese, ize yona imibhuntshuntshu ecoliweyo ibiliswa emanzini kwenziwa ngayo isyrup ejiyileyo.
Emva kokuthathwa kwe gum kwi carob, iintanga zingasetyenziswa ukwenza isidlo esizele yi proteni (60%), esingenza statshi naswekile. Esi sidlo singalungela kakhulu abantu abanesifo seswekile.

Eminye Imisebenzi yeCarob

Kumazwe ase Germany kunye nase Spain,iintanga ze carob ezi rostiweyo, nezingenayo icaffeine, zisetyenziswa endaweni ye kofu okanye zixutywe nekofu. Imixube ye arob ingavundiswa ukuvelisa iziselo ezinxilisayo.
eMzantsi Afrika, imithi ye carob ityalwa jikelele ecaleni kwezitalayo, kwiindlela ezinqumlayo kunye nakwiindawo zokupaka iimoto. Ithandwa kuba ihlala iluhlaza, yomelele kwaye idinga amanzi amancinci. Lomthi womelele kwaye ukwasebenza nokuthintela ingxolo kwaye uvamise ukusetyenziswa ukuvala ingxolo kwaye ivanyiswe ukutyalw ecaleni kwemithi yee orchads ukuze iyikhusele emoyeni.
Uphando olwenziwe ngu Lucas Iipumbu lugqibe kwelokuba icarob isethubeni lokuba sisityalo esinexabiso elikhulu eMzantsi Afrika; oku kungenxa yokudingeka kwe gum yeentanga ze carob kwimizi mveliso.

Translated by Zizipho Silwana