iLifa lika Albertina Sisulu

©Eric Miller

uAlbertina Sisulu, othandwa kakhulu de abizwe ngokuba ngu Mama we Sizwe okanye uMa Sisulu, udume ngokuba litsha ntliziyo lase Mzantsi Afrika elalichasene nobandlulo kwaye ekwayiyo inkosikazi ye tshantliziyo, uWalter Sisulu

 Waziwa ngobu nkokheli namandla wokuba ngu mama, lamandla amsusa kubomi obuqhelekileyo eMpuma Koloni ukuya kuba ngomnye wama qhawekazi ahloniphikileyo kwaye anikezwa imbeko eMzantsi Afrika. Uhleli engumntu othuleyo, ongaziboni ebalulekile kunabanye, kodwa ehleli omelele kwinqwithelo nee ntshutshiso zeminyaka oku kwamenza abengumama obalaseleyo ofanele kukubhiyozelwa.

Owayesakuba ngu Mongameli weli uJacob Zuma wamchaza njenge ‘Ntsika yamandla, hayi kuphela kusapho lakwa Sisulu, kodwa kodwa kumbutho wenkululeko wonke, njengoko wakhulisa, wacebisa, wonga, wafundisa iinkokheli nabaseki abaninzi balo Mzantsi Afrika ukhululekileyo’. uSisulu wakhe wabalisa ngotitshala othile owathi kuye; “Isimilo sakho singoyena titshala wenene. Sinamandla nangaphezu kwento oyithethayo".

Xa sijonga isimilo sika mama uSisulu, ayothusi ke okokuba lamazwi aye amchukumisa. Ilifa lakhe likwi mveliso yomzabalazo omde kwaye onobunzima. Uthatha indawo ekhethekilyo yozuko kwi nkokheli zeli lo Mzantsi Afrika. Wayengaphambili kumzabalazo yena nosapho lwakhe batshutshiswa ezandleni zorhulumente wobandlululo.

Kuko konke wahlala ezimisele akazange avume ukoyikiswa, engajiki koko wayekulwela-inkululeko nelizwe elinga caluli abantu ngokwebala labo. “Bazama, kodwa abazange bawophule umoya wakhe, azange bakwazi ukumenza abekrakra, azange bakwazi ukoyisa uthando lwakhe,” wathetha watsho uMongameli uArchbishop Desmond Tutu ngaye.

Translated by Zikhona Plaatjie

uAlbetina Sisulu uKuwongwa ngeminyaka yentsebenzo nokuzinikela

uAlbertina Sisulu ngomnye wabantu abahloniphekileyo kwimbali yeli lo Mzantsi Afrika....more

uAlbertina Sisulu - uMama we Sizwe

Emveni kokuba umama uAlbertina etshate notata uWalter naye wazibona engenwe ngumdla wezopolitiko owayenawo uWalter....more

uAlbertina no Walter Sisulu

uAlbertina Thethiwe waqala ukudibana no Walter Sisulu ngexesha esebenza kwisibhedlele iJohannesburg General Hospital ngonyaka ka 1941. uWalt...more

uAlbertina Sisulu Ukusebenzela uMzantsi Afrika okhululekileyo

uAlbertina Sisulu akazange wazibandakanya nezo politiko de wadibana noWalter ngonyaka ka 1941. Nangoko wanyengena imihlangano, exhasa uWalte...more

uAlbertina Sisulu Eminye imisebenzi yezo Politiko

Emveni kokuba ephumelele amabanga aphezulu, uAbertina Sisulu wagqiba ekubeni athabathe ingqeqesho yokuba ngu Mongikazi....more

uAlbertina Sisulu - ubomi be Qhawekazi

Uzelwe ngu Bonilizwe no Monikazi Thethiwe ngomhla wama 21 October 1918, kwisiphaluka sase Tsomo eTranskei. uNontsikelelo Thethiwe wayengumnt...more