iLecture ye Sihlanu ka Nelson Mandela

© Eric Miller

Ukuqhwatyelwa Kumiwe Ngenyawo

Njengomntu omnye, abantu abangama 1.300 baphakama ezitulweni kwi Auditorium yase Linder kwisakhiwo sokufundisa se Dyunivesithi yase Witswatersrand eJohannesburg. Xa indoda engwevu encxibe impahla ezimnyama yaqhwalela yakhwela eqongeni ibambe inkosikazi yayo ngesandla, nentonga yokusimelela kwelinye icala. Ukuqhwatywa kwezandla kwavele kwazenzekela kwabe kukhwaza.

Le ndoda yayingu Nelson Mandela, kwaye wayezakwazisa isithethi se Nelson Mandela lecture yesihlanu, indoda eya ‘phatha ihlabathi’ ngengo Nobhala-Jikelele we United Nations (UN) iminyaka elishumi, u Kofi Annan. Uninzi baba bantu nebabengabemi bo Mzantsi Afrika babebonakalisa ‘rainbow nation’-nekukumanyana kwabantu bamahlanga onke, neyaziswa kweli lizwe ngomhla we 10 May 1994 kulwamkelo lwakhe njengo mongameli wokuqala omnyama ku Mzantsi Afrika we demokhrasi.

Ababukeli bamhoya kade u Annan kodwa okwalo mzumzu yayingu Mandela ababe jonge kuye baze baqhwaba izandla.

iTrademark ka Mandela

uMandela, ixhego elibhiyozela ukugqiba iminyak engama 89 kunye neminyaka eli 9 etshatile kwintsuku ezimbalwa ezidlulileyo, wamkela oku kuqhwatyelwa ngento eyathi yajika yalitshamba lakhe (trademark), uncumo olunobubele kunye nokubulisa ngesandla.

Kwinkqubo yonke yangomhla wange Cawe kweyama 22 Julayi 2007, okukubunguzelelwa nokuboniswa uthando kwaqhubeka ezinye izihlandlo ezithathu njengoko uMandela waqhwalela ukuqabela kwiqonga lesithethi waphinda wabuyela esitulweni sakhe ethubeni, emva kokuba u Annan ehambise imbono yakhe ye Afrika, ngethuba eshiya iqonga .

Abadlali e theatre abazange baqhwatyelwa kumiwe ngenyawo kude kubekane ngobusuku obunye- Kamnye mhlwambi, okanye kabini- Kodwa apha yaba zizihlandlo ezine kuqhwatyelwa indoda esele igugile enoncumo lunka bhlankethe. Bayibaxa? Nakancinci, elizweni apho lendoda idlale indima enkulu, ngobuchule, isibindi, kunye novelwano ukunceda kuphumelele ukutshintshwa iintambo zolawulo. Ukusuka ku rhulumente wocinzelelo ukuya kulawulo lwesininzi ebesikade sicinezelwe. Olu tshintsho lubengu mmangaliso.

uNelson Mandela Indoda yo Xolelwaniso

uMzantsi Afrika ubusecicini lwemfazwe yesizwe, kunye nenkuni zilindele nje umntu alaythe kuqale undonakale. uMandela weza ngelizwe lakhe elipholileyo elimamelekayo. Emva kweminyaka engama 27 yokuvalelwa engenatyala, nokuphathwa gadalala kwama Afrika nguhrulumente, wayenokusebenzisa amandla ache asandula kuwanikwa abuyise isixhiba kwabo babemcinezele.

Endaweni yoko wakhetha ukuba kuphiliswane ngo uxolelwano nokuzola. Waze wacenga nabanye ebabonisa ukuba le yeyona ndlela elungileyo ukubheka phambili. Liyinene ukuba ukutshintshwa kwentambo zolawulo kwaphunyeza kukubambisana nomphathi omhlophe u F.W. de Klerk, kodwa ngaphandle kuka Nelson Mandela nokufuna kwakhe ukuquka wonke umntu, ukusebenzela uxolo kunye namava ache olawulo , konke oku ngekungazange kwenzeke.

Ngaphandle kokuhlonipha iminyaka yakhe kunye nomoya wakhe woxolelaniso, ababukeli babebhiyozela ukuzinikezela kwakhe kuxolo nokuvela kwakhe abo bambalwa.

Translated by Zizipho Silwana