Day Waterlily
Intekwane

© Shem Compion
Day Waterlily.

Igama

Intekwane

Igama lesi Latin

Nymphaea Nouchali

Inkangeleko

ASisityalo samanzi esinamagqabi a ronte adada phezu kwamanzi. Ezi zityalo zineziqu eziphantsi kwamanzi, kwaye zibanjwe ziingcambu ezomeleleyo phantsi kodaka olusezantsi. Isiqu ngasinye sisi 4-5 cm isibalo saso jikelele, simnyama ngebala kweye sintsofontsofo. Amagqabi adada phezu kwe nwebu ende.
Iintyatyambo zibangaphezu kwamanzi, zisenokuba mhlophe, mthubi,luhlaza wesibhakabhaka okanye pinki ngombala. Zivuleka kuphela xakukhanya ilanga, zivaleke ebusuku ziphinde zivaleke ngesokusa. Zinamagqabi amancinci atsolo yaye zinuka kamnandi. Zibalelwa kuma 60 iindidi zalentyatyambo, kodwa inye kuphela eMzantsi Afrika, ebizwa ngokuba yiNtekwane. Intekwane yintyatyambo egqamileyo edliselayo.

Apho ikhula khona

OIkhula emadamini, nasemanzini wemifula ehamba kancinci. Ikhula kuwo onke amaphondo nase Kruger National Park.

Isiqhamo

A Emva kokuba imbewu yayo yandiswe zinyosi noqongqothwane(pollinated), Iintyatyambo zitsalelwa phantsi kwamanzi apho imbewu ivuthwa khona. Imbewu evuthiweyo ibhabhela ngaphezulu ize isasazwe kukuhamba kwemanzi. Ihamba nje ithubana phezu kwamanzi iphinde izike ityelo lokugqibela apho iphuma sesyisisityalo.

Amanqaku asendle

Intyatyambo i Lily yenye yezityalo ezihloniphekileyo nezithandwayo emhlabeni. Kuthiwa wathi akulishiya eli u Bhuddha ezintyatyambo zaqhakaza yonke indawo awayekhe wanyathela kuyo. Ikwayintyatymbo yesizwe e Bangladesh nase Sri Lanka.