Bushwillow

© Roger de la Harpe

Igama

Large-fruited Bushwillow

Igama lesi-Latin

Combretum zeyheri Sond

Inkcazelo

Igcwele yonke indawo kwaye ilityholwana eliqhelekileyo elinobude obungange mitha eziyi-4, elikhula kwiindawo ezinesanti enzulu kunye nendawo enesanti etyebileyo. Amagqabi wayo makhulu kakhulu kune zinye iintlobo ze Combretum.

Iintyatyambo kune neziqhamo

Iintyatyambo zivela ziluhlaza butyheli ngenyanga yoMsinti futhi zinuka kamnandi. Intyatyambo ziphuma ixesha elide okanye okwesibini, lonto ibonwa pha kweyoMdumba ukuya kweyeKwindla. Esisiqhamo siyakhanya buntsundu kwaye siso esikhulu kunezinye iintlobo ze- Combretum kule ngingqi futhi ihlala etyholweni naxa amagqabi wayo sele ewele phantsi.

Iifumaneka phi

Iqhelekile kuyo yonke indawo enemithi nenamanzi e-Mzantsi Afrika.

Intsebenziso

Ityholwana linengcambu ezingqindilili ezihamba phantsi ngobude obungange mitha eziyi 3-4, ezenza i-sentimitha eziyi-20 ukuya emhlabeni. Ezingcambu zisetyenziswa ngabafazi ukwenza ibhaskithi yokuhombisa. Mandulo phaya ezibhaskithi bezisetyenziswa njenge zitya zokutyela, xa ziphathwe njenge sityalo sokuncamathisela ziyajika zibe sisityalo esingangenwa ngamanzi futhi sisetyenziswa ukukha amanzi ukusuka kwi ndawo ethile ukuya kwenye indawo. Namhlanje lomthi usetyenziswa njenge ndawo yokugcina izinto okanye uyathengiswa ukwenza imali.

Uyilo olulodwa lufunywana ngoku-thungela i-phethini yezibalo kwi-bhaskithi futhi nangoku daya umbala wengcambu zayo oqhelekileyo olubhelu-bungwevu, bummyana bungwevu. Ibala elimnyama buntsundu lifunyanwa ngokusebenzisa i-dayi ekuthiwa ephuma kumthi obizwa i-Kiaar, xa ufuna umbala ongwevu usebenzisa i-dayi ekuthiwa yi-Wild Seringa. Iqaqobana labafazi base-Vasekele lisalazi iqhinga lokwenza ezibhaskithi. Ukongezelela, ezingcambu zisetyenziswa ukwenza intsimbi yomqala xa kusoluka amantombazana. Umqhele wona usetyenziswa njengefuth lokuthambisa iinwele. Umqhele owomileyo uyatshiswa futhi intuthu iyabiliswa. Intuthu ebilisiweyo yona ifakwa ezinweleni ukolula iinwele zibe nde.
Amagqabi wona asetyenziswa ukukhusela imikhuhlane. Aphekwa emanzini futhi ungawasela amaxesha amathathu emini. Iingcambu zisisisombululo xa unentlungu esiswini. Iingcambu ezingange hafu yomnwe ukuya kubude bengalo, ziyagrunjwa futhi isikhumba sengcambu siyasuswa. Iingcambu ezicocekileyo zifakwa embizeni kunye namanzi. Amanzi abiliswa nje kancinci ngokubeka imbiza ecaleni komlilo futhi ikomityi yalamanzi iselwa kathathu ngemini side isigulane sizive bhetele.
Izihlahla ezingqindilili zelityholo zisetyenziswa ukwenza izitya zabantwana, kuba azophuki msinyana njenge zitya zabantu abadala. Abantwana bazisebenzisa njenge nto yokufunda ukudubula besebenzisa isaphetha sokuzingela. Xa iinkuni zithambe njenge sitya sabantu abadala, esisaphetha asikwazi ukusetyenziswa njenge sikhali sokuzingela izilwanyana, kuba isidubuli asiqinanga kakhulu.

Iimpawu zasendle

Igama layo lesiBhulu se ziqhamo ezinkulu ze Bushwillow li-Raasblaar futhi lithetha ukuthi lina magqabi angxolayo kwaye lisingisele kumagqabi wayo enza ingxolo xa aphazanyiswe ngumoya.