Wild Date Palm
Isundu

© Roger de la Harpe

Igama

Isundu, Senegal Date Palm (Phoenix reclinata)

Inkcazelo

Isundu linamagqabi amile njenge ntsiba. Lomthi usoloko eluhlaza kwaye awukhuli ukugqithela ubude obungange mitha eziyi 6, futhi ivamise ukukhula kwindawo ekhasa, enengcambu ezigobileyo ezivela ngaphezulu. Umqhele weSundu umnyama buntsundu ngebala futhi asasazekile. Iintsiba zinamagqabi ayi 50 emacaleni. Amagqabi e-Basal atsolo wona kwaye ngombala amnyama buluhlaza, agudile futhi ayamenyezela.
Iintyatyambo eziyinkunzi nemazi zikhula kwimithi eyahlukileyo. Iinkunzi zona zinombala omnyama butyheli. Imazi yentyatyambo yona incinci inombala otyheli buluhlaza. Iziqhamo zincinci zilingana ne cm eziyi (2,3x1,4), zibenkulu ngaphakathi. Isiqhamo sona sinoboya, sibatyheli ka sisakhula, sibanombala ontsundu xa sisidala nembewu enye ngaphakathi.

Lifumaneka phi

Oluhlobo luphila endaweni ehlala inamanzi, kuba iqhele indawo ezibanzi, apho kungeko mpawu zendawo eyomileyo. Usundu, luxhomekeke emanzini. ikwalilo oluboniswa ukuba indawo ethile ikhe yanethelwa okanye hayi na, nangona kungekho mpawu zemvula kulonginqi.

Impawu zasendle

Isiqhamo sesundu sithandwa kakhulu zizilwanyana ezifana neentaka kunye nabantu, kuthiwa umphakathi walomthi usetyenziswa njengemifuno. EMzantsi Afrika, naseBotswana, lemifuno iyafunxwa ukuze kuphume incindi ukwenza isiselo somdiliya. Lonto yenziwa phambi kokuba isityalo sikhuphe iintyatyambo.