White Fronted Plover

Igama

White-fronted Plover

Igama lesi-Latin

Charadrius marginatus

Usapho

Charadriidae

Ubude

9 cm

Indawo yokuhlala

Ithanda indawo enesanti, iindunduma kunye nemilambo enesanti, ithanda ukuba yodwa okanye kumaqela amancinci.

Isikhalo sentaka

Xa indiza yenza isandi esithi ‘wit' okanye 'twit' okanye 'twirit'. Iphinde yenze isandi esiphezulu esithi ‘kittup' okanye isandi esikhutshwe ixesha elide esithi ‘churr’.

Ukuzala

Izala enyakeni wonke ingakumbi kweyeThupha neyoMsintsi. Amaqanda abamathathu futhi agqunywa ngumoya onesanti kwiimini ezishushu. Amaqanda ama 2, atsolo, akhrim futhi aphawulwe ngomgca omnyama ontsundu ogcwele kuyo yonke indawo. Ixesha lokufukama lithatha iintsuku ezingange 27-33. Ixesha lendlwane lithatha iintsuku ezingange 35-38.

Inkcazelo yentsontsho

Amantshontsho akanambala omnyama entloko kodwa anombala omhlophe emva komqala. Ingwevu ngaphezulu, inezinala ezimnyama ezenza imigca emnyama esuka kumazantsi omqhele, iindlebe kunye namacala omva amhlophe.

Inkcazelo yobudala

Inkunzi inomngca omnyama oqaphelekayo emva kwelihlo, imane ibeneziziba ezimnyama pha kumacala amabele. Iintaka zase Ntsona Koloni zimhlophe ngaphantsi futhi zingwevu-ntsundu ngaphezulu. Iintlanga ezimbini ziyaziwa. Amehlo antsundu, umqhele nemilenze iminyama.

Isimo

Ngumhlali oqhelekileyo.

Isabelwano

Oluhlobo lufumaneka elwandle, kodwa luyafumaneka nakwimilambo emikhulu nasemachibini.