White Faced Duck
Idada

© Shem Compion
White-faced Duck.

Inkangeleko

Kwinkunzi ezindala ihafu zomphambili wentloko kunye nemiqala imhlophe, intloko kunye nomqala imnyama-mhlophe iphinde ibe nesiziba phantsi komqala nasemaphikweni ombala omdaka; iimbambo zayo zimnyama namhlophe kwaye isiqu sayo, amacala eempiko, umva kunye nomsila amnyama onke. Umva kunye namaphiko amnquma buntsundu, amehlo antsundu, umqhele umnyama, iinzwane zobhlowu zibeneempawu ezimnyama. Imazi yona iyafana kodwa umphambili wentloko nentamo inebala elimdaka. Nangona inomqala omde kunye nemilenze emide, ayithathi ixesha elide ilele emthini kodwa ikhetha ukuhlala esantini. Iziphethe okwe gusi ingathi ayilo dada.

Itya ntoni

Itya ukutya okufumaneka ngaphantsi kwamanzi kunye nemifuno, izilwanyane ezinomzimba othambileyo, izilwanyana ezincinci ezihlala emanzini kunye nezinambuzane, ziqhele ukufumana ukutya kwazo ngokuxhumela ixhoba.

Ukuzala

Indlwane zakhiwa ngamagqabi emhlabeni onamathambeka, nakwimithi. Ukuhluma kubalulekile ekwenzeni ubuqabana kunye nokugcina imvisiswano. Amaqela aquka amaqanda ayi 6-12, abazali bobabini bafukamisa amaqanda kangange ntsuku eziyi 28-30. Amantshontsho amadada afihlwa nagabazali bawo, kwimifuno esendaweni emanzi.

Isimilo

Luhlobo oluthanda ezinye iintaka kwaye umhlambi wayo ungangekhulu leentaka. Ukuhluma kuyakhuthazwa futhi kubalulekile kumaqabane athandana ixesha elide. Ithanda ukutya ebusuku, kungoko ibhabha ebusuku. Yintaka ethanda ukufuduka. Ziyafumaneka zihleli namadada amakhulu.
Ithanda ukukhala ngesandi esiphezulu, ikhwelo layo linezandi ezininzi ezingafani nezedada. Iinkunzi kunye neemazi zikhala ngokwahlukileyo futhi lonto iyanceda kwimvisiswano. Linomtsalane lonto yenza ukuba lidume kakhulu kune zinye iintaka. Zisoloko zihamba ngemihlambi. Zichitha ixesha elininzi zihleli pha kwibhanki. Ukutya kwenzeka ebusuku, emini zilala ngasemanzini, zingamaqela emihlambi emininzi. Amadada anekhwelo athanda imithi kakhulu, ahlala echitha imini elele kwisebe lomthi. Zidada ngokukhawuleza kodwa azixhumi ngaphandle kokuba kukhona ukutya.

Indawo yokuhlala

Zihlala emadamini, emachibini, emilanjeni, emifuleni nakwi zandyondyo zemvula. Amanzi wayo iwafumana kwiindawo ezivulekileyo ezifana namachibi, unxweme kunye nakumathambeka. Iqheleke ufunyanwa kwiindawo enamanzi.

Zifumaneka phi

Ziyafumaneka e-Zimbabwe, Mozambique, Northern Namibia, Eastern Botswana nakwi Mpuma yase Mzantsi Afrika.

Igama lesi-Latin

Dendrocygna viduata