Warthog
Ingulube

© Shem Compion

Igama

Ingulube (Phacochoerus africanus)

Ukuziphatha

Iingulube zizilwanyana ezihamba emini kwaye zichitha ixesha lazo elininzi zikhangela ukutya. Zivamise ukubonwa zihamba ngamaqela osapho. Iingulube zinomkhwa ongaqhelekanga wokuguqa ngamadolo angaphambili xazisitya okanye zikhangela ukutya endaweni yazo. Zilala emingxunyeni ebusuku, zithi ziqale zingenise imisila. Ngokwentlalo, mathathu amaqela azo afumanekayo, abizwa ngenkunzi ezidla zodwa, ezingenamazi, kunye nawe mazi.

Amaqela emazi abane mazi ezindala kunye namantshontsho azo, ngokuhiyana kwawo. Iinkunzi azinandima ziyidlalayo ekukhuliseni amantshontsho kwaye azifane zihlalelane nee mazi ngaphandle kwaxa zikhwelana. Azizinzanga, zozibini izini ziyakwazi ukukhwelana namaqabane amaninzi. Iingulube zithanda ukuhlala emingxunyeni enamanzi apho zigrumba zidlale nangodaka ngomdla omkhulu.

Intlalo

Iingulube azinamkhethe ngendawo emazihlale kuzo, nangona zixhaphake kwindawo zasendle eziphangaleleyo nezinengca.

Apho Zifumaneka Khona

Iingulube zither saa jikelele, kwaye ngalomzuzu azikho bungozini eMzantsi Afrika. Zibakhona ngokwendalo kwi fama, kwaye ziyabuyiselwa kwindawo ebesele zingasekho kuzo. Zikwafumaneka nase Zimbabwe, Botswana, Mozambique, Kenya, Zambia nase Tanzania. Zifumaneka kwindawo ezinengca (savannah) ngakwimingxunya yamanzi nodaka kwi Kruger National Park.

Iintshaba

Ezisencinane zingaxhwilwa ngama Khozi no Dyakalashe, Ingcuka, Ihlosi, Ingwe kwakunye no Xam zezona ntshaba zeengulube esele zindala.

Inkcukacha Ezibalulekileyo

Igama lesi Latin: Phacochoerus africanus
Ubunzima (Imazi): 45 - 70 kg
Ubunzima (Inkunzi): 60 - 100 kg
Ixesha lokumitha: 3 iinyanga
Inani lamantshontsho: 1 - 8 amantshontsho
Ukulungela ukukhwelana: 18 iinyanga
Ubunzima ngethuba izalwa: 600 g
Ubume: Artiodactyla
Usapho: Suidae
Isantya sokubaleka: 40 km/h
Iimpondo: Iimpondo zibalelwa kwi 25 cm
Ukuzala: Eyo Msintsi – Eyo Mnga

Imizila Yenyawo

Iimpuphu zamanqina zinciphile kunezo zama Hodi, iinzipho ezine qabaka ziqhele ukucaca gca kwimizila ebezihamba kuyo.

Amanqaku Asendle

Ingulube yenye yezidalwa ezithandwa kakhulu, yenziwe isimakade kwimiboniso yase Hollywood efana no Lion King- Kwaye yenye yamaxhoba athandwayo wase Afrika, iintshaba zazo zizingela ezindala namantshontsho na kakade.