Ushicilelo Lwase Fama

© Chris Daly

Amafama amaninzi awadibenanga nokushicilela iinkcukacha njengoko kunokutya ixesha ixesha. Kodwa ke, ngumsebenzi obalulekileyo ukuze ubani abengumfama ongcono.
Ibanki, ii-arhente zika rhulumente kunye nabanye abaxhasi ngezimali bafuna ushicilelo lwenkcukacha olululo ngaphambi kokuba banikise ngeemali mboleko okanye baxhase ngezimali. Ngaphezulu, ushicilelo lweenkcukacha olululo kwifama luye luncede umfana ekubeni ahlele ngcono kwaye akwazi nokuqikelela okuzayo ngendlela.
Ukushicilelwa kwamaxesha okuna kwemvula nawe mozulu, aye ancede amafama ukuba abenakho ukuqikelela imozulu yangethuba elilandelayo lolulima. Ukuba neenkcukacha ezishicilelweyo zenkcitho nengeniso kunceda ekuhleleni ezezimali kwishishini lefama leyo.
Ukugcina iinkcukacha ngesibalo sembewu ekhule yagqibelela ngelixa elithile, kunganceda ekubeni umfama akhethe imbewu engcono kwilixa elilandelayo. Kwi mfuyo ke, kufuneka kushicilelwe iinkcukacha mayelana mayelana nenzalelwane, izonakalisi kunye nezifo, iintlobo zokutya kunye nendlela ezitya ngayo izilwanyana. Oku kungathintela ukuba inzalelwane imithisane yodwa, kulawulwe ngcono izonakalisi kunye nezifo ze kunike namacebo ngokutya okulungileyo nokukhulisa imfuyo kakuhle.

Yintoni Ushicilelo Lwase Fama?

Ushicilelo lweenkcukacha zase fama ludla ngokuqulatha isibalo semfuyo, sezityalo kunye nezixhobo, ukwehla kwamaxabiso ezixhobo, iinkukacha zamatyala, zentengo, kunye nezabasebenzi, iinkcukacha ngemitshini, imveliso njalo njalo.

Ungaluqala Kanjani Ushicilelo Lwee Nkcukacha?

Ushicilelo lweenkcukacha efama kufanele luqulathe isibalo semveliso, ixabiso lwezakhiwo nezixhobo (kunye nokwehla kwexabiso lazo) kunye noshicilelo lweencwadi zezimali. Kufuneka kushicilelwe nayo nayiphi na into enokuthi ithengiseke kufunyanwe imali ngayo.
Imveliso, Izixhobo ne Zakhiwo
Dwelisa zonke izinto ezibambekayo onazo efama kunye nexabiso lazo ngokwe Randi. Ungadwelisa izinto ezifana nomhlaba, izakhiwo, imitshini yase fama, isivuno, kunye nezityalo ezisese ntsimini kunye nemfuyo onayo.
Ukumetwa Kwexabiso Lezinto Onazo
Inyathelo lesibini kushicilelo lwe nkcukacha kukumeta ixabiso lezinto onazo efama-ngokwee Randi. Indlela oyisebenzisayo ukumeta ixhomekeka kwintlobo leyo yento oyimetayo kunye nomsebenzi wayo. Kufuneka uqiniseke ukuba usebenzisa indlela enye yokumeta rhoqo ngonyaka.
Ushicilelo Lwee Ncwadi Zezimali
Yonke ingeniso kunye nenkcitho yase fama kufuneka ibhalwe phantsi. Zonke ezinkcukacha kufuneka zishicilelwe.

Iindlela Zokumeta Izinto Onazo

Indlela zokumeta izinto (ezifana nemihlaba nezakhiwo kunye nezixhobo) zivamise ukuba zezi:
Ixabiso le Makethi
Ixabiso lento nganye limetwa ngexabiso ethengiswa ngalo emakethi ngelo xesha. Le ndlela isetyenziswa ukumeta imveliso yezityalo.
Ixabiso Ethengwe Ngalo
Le ndlela isebenzisa ixabiso ethengwe ngalo into nganye, kwaye isebenza kakuhle kwizinto ezifana namafutha enqwelo kunye nokutya kwemfuyo okusandula kuthengwa nokusenamaxabi ebekuthengwe ngawo. Izinto ezehlelwa lixabiso ngokuhamba kwexesha, ezifana nezixhobo zase fama zimetwa ngendlela eyohlukileyo zona.
Ixabiso Eliphantsi Okanye Elase Makethi
Lendlela imeta into nganye ngexabiso ebithengwe ngalo kunye nexabiso layo lase makethi. Kuye kukhethwe elona xabiso liphantsi.
Amaxabiso Emveliso Zase Fama
Le yona indlela isetyenziswa kwimveliso yezityalo ezingekavunwa.
Ixabiso, Thabatha Isixa Eyehle ngalo
Le ndlela isetyenziswa kwizinto ezifana nemitshini ezisetyenziswa xa kuveliswa, neziye ziphulukane nexabiso lazo ngokuye kuhamba ixesha. Ixabiso lazo lehliswa ngesixa esithile ngonyaka oku ke kubizwa nge depreciation.

Kukuthini Ukwehla kwe Xabiso/Yintoni iDepreciation?

Ukugcinwa kweenkcukacha kwezolimo kunceda ekugadeni ukwehla kwexabiso lempahla yefama (assets). Idepreciation ithetha ukwehla kwexabiso lezinto ezifana neemoto, imitshini kuny nezixhobo.
Oku kwehla kwexabiso kubangelwa kukuguga ngokuye isetyenziswa okanye xa ihleli nje ingasetyenziswe. Idepreciation ke ayonkcitho mali ncam ntokunayo kukwehla kwexabiso lento leyo ithile neye icinywe ezincwadini zempahla yefama xa sele iyekile ukusetyenziswa ngenxa yokuguga.

Ushicilelo Lwee Ncwadi Zezimali

Ukuze ugcine ushicilelo lwezezimali ngendlela eyiyo efama, kubalulekile ukuba ubhale phantsi yonke imali engenayo nephumayo. Iimali ezingenayo neziphumayo zeshishini ngalinye efama kufuneka zingadityaniswa. Umzekelo, imali yombona mayingadityaniswa neyombona. Kudingeka isystem yoshicilelo ukuze kubalwe ingeniso yefama emva kokuhlawula zonke iimfuno zefama, kunye neyokubala ingeniso etsalelwa irhafu ngonyaka mali, ukujonga imali engenayo nephumayo, ukuhlela indlela ekuza kusetyenziswa ngayo imali, nokugada imveliso nganye kwaye kuqinisekiswe ukuba iveliswa ngendlela eyonga imali.
Ii-imithombo ekunokufunyanwa kuyo ushicilelo lwee akhawunti iquka le ilandelayo:
iiBank statements
incwadi yeCash analysis – iqulatha imali ezingenileyo neziphumileyo.
Incwadi yepetty cash – Izinto ezithengwe khetshi kuphela ezibhalwa kule ncwadi.
Wage book – kubhalwa kuyo imivuzo ebhatelweyo, amatyala kunye nemali ezibuyiselweyo.
Deposit book – Zonke iimali ezingenileyo zibhalwa apha.
Ubungqina bokubhatala, iicredit vouchers kunye nee sales slips, statements, invoices kunye ne
delivery slips.

iiFinancial Statements kunye Noshicilelo LweeNkcukacha

Inkcukacha ezishicilelweyo zase fama zisetyenziselwa ukwenza ii-financial statements. Iifinancial statements ziquka ibalance sheet, income statement kunye ne cash flow statement.
Ibalance sheet ibonisa amatyala efama kunye nezinto ifama enazo ize inikeze isishwankathelo sobume be fama ngokwezimali, ngexesha elithile lonyaka.
I-income statement ibonisa inkcitho mali kunye nemali engenileyo esuka kwenye ibalance sheet ukuya kwenye.
I-Cash flow statement ibonisa imali engenayo nephumayo kwifama.

Translated by Zizipho Silwana