uPeter Magubane ufumana imbasa yeOrder of Meritorious Service Silver Class ll kuMongameli uNelson Mandela

© Dr Peter Magubane
uPeter Magubane ufumana imbasa ye Order of Meritorious Service Silver Class II ku Mongameli uNelson Mandela ngonyaka ka1999“ Ngenxa yobu gorha bakhe nesibindi ngentsuku ezinzima zemini zocalucalulo ngokwe bala, uPeter waba litemba hayi kono ndaba kuphela kodwa kubantu abaninzi eMzantsi Afrika.” Ukuzinikela kwakhe kubu ntatheli nokufota kwaba luncedo ekuhlakuleni indlela eMzantsi Afrika, kwaye inzame zakhe, zikumele ukunconywa lilizwe lonke. “
uPeter Magubane ngumfoti wendaba owaziwayo owathi wathabatha imifanekiso emininzi ngexesha localucalulo, imini ezifana nomhla we 16 June ngonyaka ka 1976 eSoweto nase Alexandra ngonyaka ka 1976. Ekuhambeni kwe xesha waye watyunjwa nje ngomfoti ka Nelson Mandela ngokuse sikweni, umsebenzi awawenza iminyaka elishumi elinesihlanu, uMagubane no Madiba babenobudlelwane obusondeleleneyo, abantwana babo babe khula bonke behamba nendibano zosapho bonke.
Ngo 1999, uMagubane wafumana I Order of Meritorious Service Silver ll ku Mongameli uMandela, ngenxa yesibindi nokuzinikela ngentsuku zobumnyama zo bandlululo. uPeter wabalithemba hayi kwintatheli ezininzi kuphela kwilizwe lonke, kodwa nakwizigidi zabantu eMzantsi Afrika. Ukuzinikela kwakhe ekufoteni iindaba kwanceda ekwenzeni indlela yenguqu eMzantsi Afrika, ezo nzame zikufanele ukunconywa kwilizwe jikelele.

“Ukuvimba abantu amalungelo abo oluntu, kukuba vimba kwa ubuntu babo.” ~ Nelson Mandela

Mandela 100 - Mandela: A Man of Principle

uBrenda Fassie, umculi we Pop othandwayo eMzantsi Afrika egcwele yimizwa, wonga uMandela...more

Mandela 100 - The Charm of Mandela

uNelson Mandela ubuyela kwikhaya lakhe eSoweto, emveni kokuphuma entolongweni ngo 1990. uNelson Mandela, ukhule kwa no 8115, kwisi talato iV...more

Mandela 100 - The Fight for Freedom

uMandela wayethandwa ngabalandeli bakhe, njenge mbonakaliso yenkululeko kumntu wonke. Uye abonakale njenge siThixo esithile eMzantsi Afrika,...more

Mandela 100 - Timeless Madiba

uMandela ubulisa abalandeli bakhe ngaphandle kwe ndawo yokuthandaza yamaJuda ePitoli....more