uNelson Mandela no Nkosikazi uGraca ku Ngcwabo ka Nyana ka Mandela uMakgatho

© Dr Peter Magubane
uNelson Mandela no nkosikazi wakhe uGraca kumngcwabo wonyana ka Mandela uMakgatho owawubanjelwe eQunu. uMandela wachaza esidlangalaleni okokuba uMakgatho ubulewe yintsholongwane ka gawulayo (HIV/AIDS) oku kwaba luncedo kumlo nalentsolongwane, lomlo ke wawusondele entliziyweni ka Mandela.
uNelson Mandela wayenoo nyana ababini no nkosikazi wakhe wokuqala, uEvelyn Mase, unyana wakhe omdala uThembi, wasweleka kwingozi yemoto ngo 1969. Omnye unyana wakhe, uMakgatho wasweleka ngu gawulayo ngonyaka ka2005. Wayeligqwetha enabantwana abane (4). Emveni kokusweleka kuka Makgatho, uMadiba wenza intetha elubala echaza okokuba unyana wakhe ebenesifo sentsholongwane ka gawulayo. Oku kwenza inguqu njengoko kwabakho ulwazi oluninzi ngesifo. uMadiba wathi: Masithetheni nge ntsholongwane ka Gawulayo, singayifihli, ngoba eyona ndlela inokwenza ibonakale njengezinye izigulo ezifana ne Tuberculosis, cancer (umhlaza) kukuba sivele sitsho okokuba ubani ubulewe yingculaza abantu bazoyeka ukuyibona njengento engapha kwamandla. Uye waqala imikhankaso ye HIV/AIDS efana ne 46664 foundation, eyajongana nokuxhasa imikhankaso eMzantsi Afrika nakwi Sub- Saharan Afrika apho izidingo zabo basulelekileyo nabachaphazelwa yile ntsolongwane inani likhulu khona.
Kumfanekiso ngu Mandela, nonkosikazi wakhe wesithathu uGraca Machel kumngcwabo ka Makgatho, owabanjelwa eQunu kwiMpuma Koloni, eMzantsi Afrika.

“Kwakungalo minyaka mide ndililolo apho ukunxanelwa kwam inkululeko yabantu bam, yaba lunxano lwenkululeko yabantu bonke.” ~ Nelson Mandela

Mandela 100 - Mandela: A Man of Principle

uBrenda Fassie, umculi we Pop othandwayo eMzantsi Afrika egcwele yimizwa, wonga uMandela...more

Mandela 100 - The Charm of Mandela

uNelson Mandela ubuyela kwikhaya lakhe eSoweto, emveni kokuphuma entolongweni ngo 1990. uNelson Mandela, ukhule kwa no 8115, kwisi talato iV...more

Mandela 100 - The Fight for Freedom

uMandela wayethandwa ngabalandeli bakhe, njenge mbonakaliso yenkululeko kumntu wonke. Uye abonakale njenge siThixo esithile eMzantsi Afrika,...more

Mandela 100 - Timeless Madiba

uMandela ubulisa abalandeli bakhe ngaphandle kwe ndawo yokuthandaza yamaJuda ePitoli....more