uNelson Mandela uBhiyozela usuku lwakhe lokuzalwa iminyaka engamashumi asibhozo (80) ngoku tshata uGraca Machel

© Dr Peter Magubane
uNelson Mandela wabhiyozela usuku lwakhe lokuzalwa lweminyaka engamashumi esibhozo (80) ngokutshata uGraca ngomhla we 18 July ngonyaka ka 1998 kumsitho wabucala kwikhaya lakhe eHoughton. uMachel wayengu mfazi ka Mongameli wase Mozambique owabulawayo uSamora Machel. uMandela wasele ohlukene nalowo wayeyi nkosikazi yakhe uWinnie ngo April ka 1992, baze bawuqhawula umtshato ngo March ka 1996.
Emveni koku khululwa entolongweni uMandela, wadibana no Graca Machel, umhlolokazi walowo wayengu Mongameli wase Mozambique, uSamora Marcel, wade wambiza ngokuba “ ungumntu ongumama ochazayo, nonobuntu obumangalisayo”.
Bobabini bagqiba okokuba batshate ngosuku lokuzalwa luka Nelson Mandela, ngomhla ka 18 July 1998. Bamema indwendwe eziyi 2000 ezisuka kwamanye amazwe. Batshatela kwi khaya lika Nelson elihle eHoughton, eRhawutini.
“Andikwazi kuluchaza uvuyo lwam nolonwabo ukufumana uthando nokufudumala, lomntu othobekileyo, onobuntu, okrelekrele kangaka” uMandela wabhala.” Kundinikeza ulonwabo olunga kholelekiyo nokwanela ukwazi okokuba kukho umntu, apha phandle endinoku xhomekeka kuye, ingakumbi kwimeko apho amaqabane wam ezopolitiko angakwazi ukundinceda khona.”
uMachel mncinci kuMandela ngeminyaka engamashumi amabini anesixhenxe (27), kwaye nguye yedwa kwihlabathi lonke othe wayinkosikazi ka Mongameli kumazwe amabini ahlukileyo. Phambi kokutshata uNelson Mandela, uGraca Machel waye nabantwana ababini: uJosina noMalengani, waye tshate no Samora Machel, uMongameli wokuqala wase Mozambique ngo 1957. uSamora wasweleka kwinqwelo moya eyawayo eMzantsi Afrika ngo 1986.

“Ndifunde ukuba isibindi ayiko kungabikho koloyiko, koko kuku gqitha ngapha kwalo. Indoda elikroti ayisiyiyo leyo ingoyikiyo, koko yileyo yoyisa olo loyiko.” ~ Nelson Mandela

Mandela 100 - The Charm of Mandela

uNelson Mandela ubuyela kwikhaya lakhe eSoweto, emveni kokuphuma entolongweni ngo 1990. uNelson Mandela, ukhule kwa no 8115, kwisi talato iV...more

Mandela 100 - The Fight for Freedom

uMandela wayethandwa ngabalandeli bakhe, njenge mbonakaliso yenkululeko kumntu wonke. Uye abonakale njenge siThixo esithile eMzantsi Afrika,...more

Mandela 100 - The Mandela Legacy

uMandela ufumana iwonga le Honorary Doctorate kwi Yunivesithi yase Witwatersrand eRhawutini...more

Mandela 100 - Timeless Madiba

uMandela ubulisa abalandeli bakhe ngaphandle kwe ndawo yokuthandaza yamaJuda ePitoli....more