Umgquba Oluhlaza ne Mpilo Yomhlaba

© Akkerwijzer
Umgquba oluhlaza ngombala kukutyala isivuno ngethemba lokwenza umhlaba uvelise ngcono. Umgquba oluhlaza (isivuno esingaphezulu) sinceda umgangatho womhlaba ngezindlela ziladelayo:
Ukwandisa izityalo eziphilayo (organic) noku ncedisa ukwakha izichumisi emhlabeni.
Ukunikeza isondlo kwi ntsholongwane ezilungileyo.
Ukuphinda kusetyenziswe izondlo.
Izityalo ezingaphezulu zifumana isondlo kumhlaba ongaphantsi ze ziwunikezele kumhlaba ngaphezulu.
Iimbotyi zijikeleza phezu kwe ‘phosphates ne sulphur’ ze zivelise umoya we ‘nitrogen (N)’ olungileyo.
Umhlaba ongaphantsi kunye nomhlaba onodaka uyaqhekezwa, ze unyuse izinga lamanzi nokugqobhozela komoya.
Ukunciphisa amathuba woqhekeko lomhlaba.
Umgquba oluhlaza uyilento ngqo ichazwe ligama lawo: umvelisi uthenga isithole okanye imbewu yokutyala, engasokuze ivunwe, kodwa etyalelwe ukunyusa izinga lesondlo emhlabeni. Imizekelo iquka isidlo (i-oats, chickpeas, ne Lucerne). Uqaphele ke okokuba iimbotyi sizetyenziswe nje ngezizityalo zangaphezulu njenjongo zokuchumisa, imbewu kufuneka idityaniswe nezinga eliyilungeleyo intsholongwane ukuqinisekisa ukungena kwe ‘Nitrogen’.
Umgquba oluhlaza ngombala ungatyalwa phakathi kwemiqolo yezivuno ezahlukileyo, ze ufakwe emhlabeni kwaye akukho sidingo utyalwe kwindawo engasetyenziswayo. Ie ke isebenze njengendlela yokunqanda ukhula nokukhusela umhlaba. Xa ke ingakwazi ukufakwa emhlabeni, ezindawo ziluhlaza zingavunwa zisetyenziswe kwinduli yomgquba. Olona tshaba lo mgquba oluhlaza kwindawo evulekileyo kukuba awusetyenziswa kwixesha lonyaka eli lodwa, kodwa ibanegalelo kumgangatho womhlaba kwaye usetyenziswa endaweni yesichumisi.
Umgquba oluhlaza ubonakala kakuhle xa iztyalo ziqala ukudubula, kwaye kwelinqanaba iwuchumisa kakhulu umhlaba. Iyanqunqwa, ilinywe emhlabeni. Xa inoku fafazwa ngezithinteli rhorho kwangethuba, izakwenyusa umgangatho wempilo emhlabeni kwaye iphucule nomgangatho wezichumisi emhlabeni.
Isichumisi senzeka ngendlela apho eziphilayo (organic) zophulwa ibhaktheriya ne ntsholongwane. Kuye kwenzeke okufana nomhlaba, okumnyama, okunamaxolo kuyenzeka. Leke yaziwa ngokuba yi ‘humus’ kwaye inezondlo ezifunekayo ukukhulisa izityalo. I ’humus’ okanye isichumisi njengoko isaziwa ifana nesi phontshi, yiyo lonto inceda umhlaba ugcine ukufuma yenze nesondlo somhlaba. Lento inamaxolo inceda ukuqhephula umhlaba onodaka oluninzi ibophe umhlaba onesanti udibane. Ilahleko yamanzi no qhekeko lomhlaba ziyehliswa sisichumisi ihumus.

Translated by Zikhona Plaatjie