Umbrella Thorn
UmuNga

© Nigel Dennis

Igama

UmuNga

Igama lesi-Latin

Acacia tortilis

Inkcazelo

Umqhele urhabaxa kwaye umbala ongwevu bumnyama. Lomthi ungumxube wemeva elitsolo kunye nemeva elincinci elihakishekileyo endleleni. Ameva anciphile futhi akhula engamaqabane. Iintyatyambo zigcwala kwiplanga elidala. Iintyatyambo zikhrim, zimhlophe ngombala. Imbewu inokumbatsha okuhlukileyo ibenombala wegolide buntsundu futhi zidityanisiwe ziphithene. Amagqabi mancini kwaye anika isambuleni imbonakalo ebuntofontofo kunye negcwele iintsika. Izilwanyana ezizingelayo zitya amagqabi kunye nameva, zitya kakuhle xa ameva esemancinci naxa ethambile.
Xa ameva emadala aqinile ayanceda xa kuzingelwa. Ameva atsolo amhlophe, amanye ahamba kakuhle, amanye ahakishekile. Ahamba wodwa ngamanye amaxesha namaqabane. Lomthi uqhama pha kweyoMnga (ehlobo) ngokukhasa, iintyatyambo ezimhlophe, kodwa ke ukukhula kweentyatyambo kuba khona manqaphanqapha kuxhomekeke emvuleni. Inesakhiwo esifana nesambuleni, isivalo sayo siqheleke pha kwimithi enameva. Ngobude sifikelela pha kwi mitha eziyi 5-20 ngendalo. Iintlobo ezininzi zentaka ziye zithathe isizulu yesisikhuseli, zide zizakhele izandlwane yazo pha kwisivalo salomthi. Sikhula kancinane kwaye sifika pha ebudeni obungange mitha eziyi 3-5 ukufika kwimitha eziyi 8-13.

Iintyatyambo neziqhamo

UmuNga wenza iimbewu eninzi etyiwa zizilwanyana zangaphandle nezilwanyana zasekhaya, ngamanye amaxesha nabantu. Imbewu ibhijelene kwaye iphithene, iba nombala ombhatshileyo ontsundu futhi iwa phantsi emhlabeni. Ziphuma zininzi iziqhamo kwaye zityiwa zizilwanyana ezifana ne Kudu, Impala, Umkhombe kunye ne Ndlovu. Liyo le indlela ekusasazwa ngayo imbewu ukuze yandise emva kokuba isuka esiswini sesilwanyana. Imbewu neminye imithi iyohlukana phambi kokuba iwe, lonto yenziwa ngokusasaza imbewu kuyo yonke indawo.

Intsebenziso

Lomthi usetyenziswa ukwenza amaphulo, iinkuni zomlilo, ifenishala kunye nenqwelo. Imbewu yenza kube ngcono xa sekufike ithuba lesizini eyomileyo pha kumbindi we Sahara-Sahelian. Umqhele usetyenziswa njenge ntambo e-Tanganyika. Iintlaka yalomthi iyatyeka kwaye isetyenziswa njenge ntlaka yomntu osokolayo. Ngowona mthi othembekileyo apha ekuthimbembi iinduduma pha e-India nase Afrika. Amasebe wayo anameva esetyenziswa ukwenza imikhonto, nabantu base Lake Chad, bawasebenzisa ekwenzeni isikhali sokuloba. Abantu base Afrika basebenzisa iingcambu zalomthi xa besenza indawo yokuhlala ya xeshana. Imbewu kunye namagqabi zinesondlo kwaye zikhangelwa zezinye izilwanyana qho. Iinkawu kunye neMfene zitya imbewu yalomthi xa sele iluhlaza ngombala, ezinye izilwanyana zona zitya imbewu ewele phantsi emhlabeni.

Indawo yokuhlala

Umthi womngampunzi wenzeka kwiinduduma yesanti naku mrhoba ovundileyo, ebalekela iindawo ezigcwele ngamanzi. Luhlobo lomthi olukwazi ukumelana namanzi, imeva lesambela likhula kwingingqi enethelwa njalo enyakeni kangange milimitha eziyi 40 ukuya kwi milimitha eziyi 1200, kumane kubakhona nembalela ethatha inyanga enye ukuya kwezilishumi. Umthi uthanda ukuhlala kumhlaba one-awana kunye nomhlaba olungileyo.

Ufumaneka phi

UmuNga ngowona mthi osasaziweyo womngampunzi. Lomthi ufumaneka e-Mozambique, Botswana, Swaziland, Transvaal, Orange Free State nase Koloni. Lomthi ukhe wachazwa pha e-Egypt nase Arabia eminyakeni enamakhulu amabini mandulo phaya. Kuthiwa lomthi uma kwindawo enomhlaba omhle okanye ingca entle.