uMandela uDibana no Sapho lwaka Kennedy
uEdward Kennedy unikeza uMandela iKennedy Busk ye JFK , Jackie Onassis , Joe Kennedy bayavela kulomfanekiso kundwendwelo luka Mandela lokuqala eMelika emveni koku khululwa kwakhe entolongweni.
iKennedy Bust
Emveni kokuphuma eluvale lelweni, ngo February ka 1990, uNelson Mandela waya kwi Global Freedom Tour. Wahamba ngo June ngo 1990, iveki ezintandathu, amazwe ayi 13, waqala eMelika. Waya eNew York ngomhla we 20th ku June ngo 1990, ngenxa yendlela urhulumente wakhona wabaluncedo ngayo ekuchaseni urhulumente wengcinezelo ngokwenza imithetho ecalucalula ngokwe bala, nemithetho evingcela eMzantsi Afrika.
Okulandelayo, uNelson Mandela waya eBoston, nge 23 June, 1990, wathetha kwi sakhiwo esasigcwele, eMadison Park High School. Emveni koko kumsitho kwi John F. Kennedy Library, eBoston, uMandela wafumana imbasa ye Commemorative Bust of John F. Kennedy, awayinikwa ngowezopolitiko uEdward Kennedy. uJackie Onassis no Joe Kennedy, babekhona, bayabonakala kumfanekiso. Lo ke yayingumzuzu obalulekileyo, owenza ubudlelwane boxolo phakathi ko Mzantsi Afrika ne Melika.
“Iinkokheli zokwenene kufanele zilungele ukuncama konke ukuze kukhululeka abantu bazo.” ~ Nelson Mandela
uBrenda Fassie, umculi we Pop othandwayo eMzantsi Afrika egcwele yimizwa, wonga uMandela...
moreuMandela wayethandwa ngabalandeli bakhe, njenge mbonakaliso yenkululeko kumntu wonke. Uye abonakale njenge siThixo esithile eMzantsi Afrika,...
moreuMandela ufumana iwonga le Honorary Doctorate kwi Yunivesithi yase Witwatersrand eRhawutini...
moreuMandela ubulisa abalandeli bakhe ngaphandle kwe ndawo yokuthandaza yamaJuda ePitoli....
more