uMandela no Nosapho luka Benjamin Pogrund

© Eric Miller

uKulunga kuka Mandela

uSapho lwam luye lwadibana kwaye lwabuva ukulunga kuka Mandela. Ngo January ka 1968, unyana wam uGideon, waye bhiyozela ibar mitzvah, eli ke lisiko lamaJuda eliyindlela eya ebudodeni xa inkwenkwe ineminyaka elishumi elinesithathu (13). Ndandi ndwendwele uMandela kwi veki ezidlulileyo entolongweni ndamxelela ngoku.

Waye wenza inzame zokufumana iphepha elikwisimo esibhadlileyo apho wabhala khona umyalezo enqwenelela uGideon okuhle ngalomsebenzi. Kwiminyaka emine (4) wakhululwa entolongweni , ndamtsalela umxeba ndise London apho sasihlala khona. Emveni kokumamkela kwinkululeko ndanikeza umxeba ku Gideon, owaqala ngokuthi ‘Molo Mnumzana uMandela’ – emva kwatsho ilizwi elinzulu, elinamandla, ‘Kutheni ndangu Mnumzana uMandela? Ndibize uMalume uNelson'.

Oku kekwamshiya uGideon enenkwekhwezi emehlweni akhe luvuyo. Emva kwexesha uMandela wazama konke okuse mandleni ukunceda intombi yam uJennifer. Wamenza wakwazi ukuhamba naye kwinqwelo moya zo Mongameli apha eAfrika. Wathi ngonyaka ka 1991 endwendwela eNtshona Afrika okokuqala kwiminyaka engamashumi amathathu (30). Waye funela umbutho we ANC inxaso, emveni kokuphuma eMzantsi Afrika. Ngoku wayesele eliqhawe, ebuliselwa phezulu.

Waye wenza ibali ngaye ngoluhambo elithi, ‘The Last Mile: Mandela, Africa and Democracy’ Enye indawo kwelibali limveza ese Goree Island, ngapha konxweme lwase Dakar, apho izigidi gidi zamakhoboka zahanjiswa ngenqwelo yamanzi esingise eMelika. La veza nexesha lakhe loku phumla kunye nexesha lakhe apho athetha ngobomi bakhe, neminqweno yakhe ngenkululeko - ezayo-eMzantsi Afrika.

Translated by Zikhona Plaatjie

Benjamin Pogrund's Favourite Mandela Story

Kumabali amaninzi amnandi abaliswayo ngo Mandela, elona ke endilithanda kakhulu libali endalibaliselwa ngu Jules Browde, igqwetha elimhlophe...more

History that Shaped Mandela by Benjamin Pogrund

Umtsalane ka Mandela wawungafane uziveze kwiintetho zakhe ezihleliweyo....more