uMandela ilizwi Lentobeko

© Eric Miller

uBomi nje Obuqhelekileyo

UNelson Mandela wayengafuni ukubizwa njengo msindisi we Afrika. ”Andiboni kulungile ukujonga umntu njengomsindi weli lizwe” watsho kwintatheli emveni kokunikezwa ulwamkelo olushushu eTunis, ngonyaka ka 1994 kwingqungquthela yombutho I Organisation of African Unity (OAU) – uhambo lwakhe lokuqala ukuya kulombutho njengo Mongameli.

Kodwa ke abantu abaninzi bambona ngalo ndlela. Akafani ke nezinye iinkokheli eqongeni, yena lo ka Mandela uzise ubumsulwa kubu Mongameli, oku ke kwenziwa kakhulu lixesha alichithe entolongweni nokungavumi ukuba nobu krakra kubantu abamvisa ubuhlungu bamfaka kwiminyaka yengcinezelo nokungahambeli ntweni.

Akafani ke nabanye abaphathi abakhulu eburhulumenteni abathe baxhaphaza amandla abo, azange aphile ubomi obukhazikhazi nemali eninzi, uMongameli uMandela wayephila ubomi obuqhelekileyo wenza ubumongameli bakhe indlela anokuthi ancede ngayo abantu. Waqala ke ingxowa ekhethekileyo yabantwana ngomvuzo wakhe, wafaka imali engange R150 000 (US$41 000) Wakwenza oku iminyaka emihlanu, eyikhupha lemali ngonyaka.

Wamema abanye bangelele ngoku khupha imali yokungena. Osomashishini abaninzi bakwenza oku. Waphinda wasebenzisa amandla akhe obangu mongameli ngokwenza iphulo lokunikeza abantwana abafunda amabanga aphantsi besikolo isidlo sakusasa, nokunikeza uhoyo lwasimahla komama abakhulelweyo ezibhedlele nabantwana abancinci.

Ingqungquthela ye OAU Angavnywanga

Kwingqungquthela ye Tunis OAU ngo June ka 1994, unondaba othile wabalula uMOngameli uMandela njenge “lizwi le Afrika elizisa isazela”. Ngobume be North African City nabameli bayo anacinezelayo nalomsitho we OAU, kunye nenkokheli ezininzi ezicinezelayo nezinobuqhophololo zase Afrika, igama lalinenjongo.

Abendaba bafuna ukwazi kwabase Mzantsi Afrika okokuba bazakuzisa kwi OAU umzekelo omhle lo uMzantsi Afrika uzama ukuwenza nge ngorhulumente omtsha ongqongqo, ngoku nyaniseka nokuba selubala njengo rhulumente kwaye nokukhululeka ukuveza izimvo nenkululeko. uMongameli uMandela wazibekela bucala ke ezi zazithethwa apha nje ngendlela engaqondakaliyo.

Kunyaka olandelayo yena norhulumente woMzantsi Afrika baqhubekeka ngemithetho engachazwa nje “ngokunga ngeneleli indaba zangaphakathi, zabanye/amanye amazwe” kodwa ke wayecela intsebenziswano kumazwe ngamazwe. Nangona uMongameli uMandela wayecela izizwe ngezizwe okokuba zithabathe imithetho yenkululeko, zihloniphe namalungelo oluntu, nangona maxa wambi wayengaqapheli ukucinezelwa kwamalungelo oluntu, ukubandakanyeka ekuviseni kabuhlungu abantu njalo njalo, ngamazwe awaye xasa umbutho we ANCngeminyaka yomzabalazo.

Oku ke kwenza ubudlelwano obenza intloni phakathi koMzantsi Afrika, Melika namazwe ase Ntshona awaye ngabuthandisisi ubudlelwane buka Mongameli uMandela ne Libya, ne North African Pariah azazi thyolwa ngokutshabalalisa inqwelo moya ze Pan American Airlines “Jumbo Jet” Phezulu kwe Lockerbie eScottland ngonyaka ka 1988 ne Fidel Castro yase Cuba leyo ke ama Melika angazange ayinikeze okokuba apapashe iminqweno yezo shishino engebhatalwayo.

Kwaye ngokufaka ebumnyameni izixhobo ezaziwa ngokuba zi nuclear missiles kwisiqithi. Uhambiswano lwe Oli loMzantsi Afrika ne Iran nalo lwenze ukungavisisani nelizwe iMelika.

Amandla eAfrika

Nangona kwakho ukunga visisani phanapha, iMelika ne Europe yayimbona uMongameli uMandela njengo mzekelo kwaye no Mzantsi Afrika ubuna mandla kwi Africa, umgcini xolo kwaye nekhulisa ezorhwebo. Imelika ne Europe zichithe imali eninzi ezi ngangezigi ze dollar eAfrika kwiminyaka, kodwa iziphumo azizange zibancumise.

Ingxenye enkulu yobutyebi iphele inkokheli ezingo hlohlesakhe zalapha eAfrika zizityebisa zodwa, maxa wambi amazwe azo eqhubeka ukoyela kwintlupheko. Ngoku, ucalucalulo lwaphela, iMelika ne Europe iyawucela uMzantsi Afrika uthathe indawo yoku khokhela kwilizwe kazi iAfrika. Bafuna ukubona umthwalo we Afrika usehla ubuninzi bawo busiwe ku maAfrika.

Ngubani ke ongcono, batsho becinga, onokuthatha lomthwalo ngaphandle ko Mongameli uMandela noMzantsi Afrika? Kumazwe ase Afrika uMzantsi Afrika wavela njenge themba le Afrika iphela.

Kwabanzima ke kwamanye amazwe ukuzibamba ngenxa yexesha elithe latsala kwingxoxo zenguqu okokuba zigqibeke eMzantsi Afrika. uMongameli uMandela wanyanzeliswa kwindawo yobunkokheli kwi Afrika wanceda nokucima imililo eLesotho, ngelixa ezama ukwaziwa eNigeria, Mozambique nakwamanye amazwe.uMongameli uMandela wabona ke okokuba angazibona esengxakini - abengumkhululi we Afrika, zibe ingxaki zikhula ekhaya. Ngobulumko wakhetha ukuthatha indawo ngobu nono eAfrika loxa Amandla wakhe ewajongise kwingxaki zalapha eKhaya.

Translated by Zikhona Plaatjie

Mandela on His Global Leader Project

Ukusukela ngoko ndibukele lombono ukhula, usakheka kwaye usiya ubanamandla kwaye uzalisekiseka.’ Kwatsho uMandela....more