Ulwawulo Lwesivuno se Lettuce
UJikeleziso Lwesivuno
Tyala ilettuce emveni kokutyala iBrassicas ze ulandele nge squash okanye uqale ngaso.
Umyinge
I-IcebergOkuncinane: 15
Okuqhelekileyo: 25
Okulungileyo: 40+
I-ButterOkuncinane: 8
Okuqhelekileyo: 20
Okulungileyo: 35+
I-RomaineOkuncinane: 15
Okuqhelekileyo: 25
Okulungileyo: 40+
I-Loose leafOkuncinane: 15
Okuqhelekileyo: 22
Okulungileyo: 30
Imveliso iyohluka kakhulu ngokwendawo ezikhuliswa kuyo kunye nabakhulisi. Imveliso ekhuliselwa kwizindlu eziluhlaza zingavelisa imveliso ephindwe kabini okanye kathathu kune mveliso yentsimi ngenxa yendlela yolimo enono phelweyo, ixesha elifutshane loku khula kunye nendawo yokukhula ekhuselekileyo.
UKuvuna
Zama ukuvuna xa isimo sezulu sipholile maxa onke, kungcono ukuvuna kwakusasa kusapholile. Kuvunwa ngesandla ixesha elininzi kuba izityalo zithambile. Xa uvuna intloko epheleleyo ye lettuce, isiqu se lettuce sinqunyulelwa phezulu komhlaba ngemela ebukhali okanye izikere zokuvuna. Xa kuvunwa ilettuce enamagqabi azimeleyo, kuhlala kuvunwa amagqabi angaphandle kwixesha leenyanga xa sele abubude obufunekayo.
Abavelisi abakhulu baye bavune ngoomatshini kwaye bevuna uhlobo lwe lettuce i-iceberg kunye nentlobo ze crisp head ezisetyenziswa kwintengiso zokutya, ukupakisha nentengiso zoku khuphela intengiso.
Ngoku khawuleza emveni kokuvuna, beka ilettuce kwindawo epholileyo enokufuma okuphezulu.
UKugcina
I-lettuce iyagcinwa ngempumelelo ukuyokuma kwiveki ezimbini emveni kokuba ikhiwe ngokuthi igcinwe phakathi ko 1°C kunye no 3°C kwindawo enokufumana okungama 90%+.
Xa ilettuce kufuneka isiwe kwindawo zentengiso ezikude, indawo zokuyifaka ezilawulwayo ubushushu kunye nekamere kwi vesele ziyayigcina ilettuce ilungile kwaye ziyigcina ngempumelelo emveni kokuba ikhiwe.
Zifumanele ulwazi olungcono nolwazi olutsha ngoku yikhathalela emveni kokuvuna kulowo uyingcaphephe xa uzakukuyigcina ixesha elide. Impazamo nje encinci izakuba nemiphumela emibi kwimveliso.
Iinkumbi
Aphids, Bollworm, Cutworms.
Izifo
Bacterial rot, Downey Mildew, Powdery Mildew, Mosaic virus, Sclerotinia kunye ne Septoria.
Translated by Zikhona Plaatjie