uLawulo lwe Mazi Yehagu Namantshontsho Wayo

©Glenneis Kriel
Iihagu ezindala ezizala amantshontsho amaninzi weehagu zinezidingo kunezo zincancisayo nasele ziyekile ukuncanca kwaye kufuneka kukhathalelwe ukufikelela kwizidingo ezikhethekileyo zezindlu, ukutya nokhuseleko kwizifo.

Imfuneko zee Mazi Zehagu Ezimithiyo

Imazi, ayifuni zinto ezininzi xa imithi (ibizwa ngokuba yi “mazi eyomileyo” kushishino lweehagu)kodwa ke isenazo izidingo.
Imazi emithiyo idinga ukuba phakathi kwezinye iimazi kwaye idinga ukhuseleko kwisimo sezulu esitshisayo, esibandayo, umoya kunye nemvula.
Idinga indawo eyaneleyo ukuhamba-hamba ngoku khululekileyo iziphathe njenge hagu. Inkoliso yemihlambi yehagu aziwasebenzisi amakreyithi okuzalela kwimazi zawo. Amanye amafama afaka iimazi eluvalelweni kwiveki ezimbalwa emveni okukwabelana ngesondo ukunyanga ingxaki nokujonga imazi emveni kwexesha leeveki ezintathu ukuqinisekisa okokuba imithi ngenene.
Imazi emithiyo idinga ukutya okwaneleyo kodwa hayi okuninzi. Ii kg ezimbini okanye ezintathu ngemini nazo zonke izakha mzimba ezidingayo eziquka ifibre efana nengqolowa, ingca, ukutya okuhlaza (xa kukhona) kunye ne protein engu 12%. Yonke imigubo kufuneka ikwazi ukondla “imazi nenkunzi” ngokutya okanye ipellets konke oku kwenza ingxenye yokutya kwemazi nengxenye esuka kwimveliso ekhoyo esexesheni okanye endala nokuba yenziwe ngezimuncu.
Qaphela: ungaze utyise ukutya okungundileyo okanye okunukayo kwihagu kwaye ungaziniki inyama yezilwanyana. Inyama ivame ukwandisa izifo.
Kwiveki yokugqibela phambi kosuku lokuzala (gcina iinkcukacha) susa imazi uyibeke kwindawo yayo yokuzalela. Lendlwana, ikreyithi okanye indlu kufuneka ikhusele kwisimo sezulu, ikhusele ihagu, icoceke kakhulu, ibenendawo eninzi yokulala ukuze imazi ikwazi ukwenza ingqweji.

Iimfuneko Zamantshontsho ehagu Asandula Ukuzalwa

©National Pork Board, USA
Kubalulekile okokuba uyazi ubushushu nezidingo zendawo zemazi namantshontsho azo azifani.
Imazi ithanda kuphole, kodwa oohagwana badinga bonke ubushushu abanobufumana. Kuyafuneka banikezwe ‘indawo’ umzekelo indawo evalekileyo efana neyezinja enesiciko esisuswayo ukuze icoceke kakuhle kwaye ijongwe, kususwe iibhedi ezinukayo ezifumileyo. Eyona bhedi ingcono yeyenziwe ngomthi we pine. Khusela umnyango ukuze ihagu zikwazi ukungena kodwa hayi imazi; ingakumbi xa ukutya kwamantshontsho ikukutya okubizayo. Ngaphandle kokuba ikwi kreyithi lokuncancisa, kuzakufuneka imazi ingqengqe ngentla kwamantshontsho ancanca kancinci kwaye kuzakubakho ilahleko ngenxa yokunyathelana.
Imazi idinga amanzi maxa onke, acocekileyo kwaye afikelelekayo. Amantshontsho ancancayo azakuqala ukusela namanzi ukuncedisa ubisi luka nina xa sele eneveki noko ezelwe.
Emveni kokuzala, imazi idinga ukutya okutyebileyo xa incancisa. Kungcono uyityise imazi encancisayo ‘ukutyisa imazi encancisayo’ kwaye kakhulu- i6kg ngemini iqhelekile. Imazi encancisayo akufuneka ilambe nanini na. yityise kathathu ngemini ukuthintela ukuhlutha kakhulu esiswini.
Oohagwana bazakuqala ukutya kuka mama ngenxa yokufuna ukwazi xa bene veki ubudala kodwa ke ukutya kwe mazi akutyeki kumantshontsho asandula ukuzalwa. Kungcono ukunikeza abantwana ukutya okulingana namantshontso asele elunyulwe ukususela kwintsuku elizishumi phambi kokuba uwalumle kwaye ungayinikezi le iqhelekileyo ye 250g (umlinganiselo wekomityi) kwintsuku ezilandelayo ezintlanu, nyusa umlinganiselo ngemini ukuze zikulungele ukumelana nokutya okomileyo xa sele zilunyuliwe.

Iimfuneko ze Nkunzi Zehagu

©Dr Jim Robinson
Inkunzi maxa wambi kuye kuthwe sesona silwanyana singakhathalelekanga efama nangona iyiyo enikeza ingxenye yofuzo lilonke umgangatho we sizukulwana esilandelayo. Izidingo ze nkunzi zilula :
Idinga indlu yayo ezakusetyenziselwa ukulala neemazi. Hlala njalo uyizisa imazi kwi nkunzi kwaye ugcine iinkcukacha zomsebenzi owenzekileyo.
Ixesha elininzi inkunzi ivumelekile ukuba yinxalenye yomhlambi kwimeko ze free-range. Ukudibanisa imazi nenkunzi ezilungele ukudibana ngesondo kuzakuxhomekeka
‘okokuba yeka indalo yenze umsebenzi wayo” oku akuhlali kusebenza umfama angangayazi okokuba zeziphi iimazi ezimithiyo kwaye zimithe nini kwaye zimithiswe yeyiphi inkunzi(xa ingekho nye). Kwaye, olona suku lokuzala lilindelekileyo alizukwaziwa, lenze kubenzima ukucwangcisa.
Xa kukho inkunzi engaphezulu kwenye kwihagu, zingalwela ubudala. Eyona iqaphelekayo okanye inkunzi ayizukunqandeka ngamaxesha edibana nawo ne mazi. Oku kungenza inkunzi idinwe, ingakwazi ncam ukuzalisa okanye konzakale iimazi.
Inkunzi idinga nonyango oluqinisekisiweyo lwe mange kuba yiyo esasaza imange kumhlambi wee mazi. Isasazeka ngexesha lokumithisana imizuzu eyi 6 ukuya ku 15 (unyango lwe mange alukho nzima kwaye luyasebenza xa kulandelwe imiyalelo).
Nciphisa ukutyisa inkunzi ukuthintela ukuze ingatyebi kakhulu, yonqene, ingakwazi ukumithisa kwaye iphathe ezinye iihagu kakubi. Umlinganiselo wayo nobungakanani kuzakufana noko kwe mazi ezimithiyo.

Translated by Zikhona Plaatjie