Ulawulo Lokhula Kwimveliso ye Ngqolowa

© Glenneis Kriel

Ukhula kufuneka lulawulwe kakuhle ukuze lungenzi ilahleko kwimveliso, ngokuthi lubesisithinzi kwisivuno sakho nokukhuphisana ngamanzi nezinongo zomhlaba. Ukohluleka ukulawula kuzakwenza iingxaki zokhula zande ngokuthi kubekho imbewu yokhula, ebizwa ngokuba yibhanki yembewu yokhula yande emhlabeni. Ukuze ufumane iziphumo ezingcono, amafama kufuneka atyale kumhlaba ococekileyo kwaye awugcine ucocekile lonke ixesha lokutyala.

Indlela Ezisebenzisa Oomatshini

Ukhula lungasuswa ngesandla, xa unokhula olufutshane, kodwa ke iyasebenzisa lento xa ifama yakho inkulu. Amafama ayekade ekhofola imihlaba yawo phambi kokutyala, kwaye amanye asakwenza oko, ngenjongo yokulungisa ibhedi yembewu ecocekileyo.
Ukukhofola, kusebenzisa amafutha esithuthi kakhulu, kwaye exesheni kwenza ilahleko kutshabalalise nobume bomhlaba, oko kuchaphazela kakubi umhlaba malunga nomhlaba okokuba ukwazi ukugcina amanzi. Eyona ndlela ingcono, kungcono ukusebenzisa indlela yokulima yononophelo enceda ukwakha indawo yemveliso esempilweni ngokuthi yenze ngcono ubume bomhlaba.

Ukutshisa

Amafama ayewutshisa umhlaba emveni kokuvuna ingqolowa, betshabalalisa ukhula kunye nentsholongwane ezenza izifo. Lendlela ke ayisasetyenziswa, hayi kuphela ngenxa yengozi yemililo, kodwa ngenxa yemfundiso yokuba umlilo awuncedi umhlaba nentsholongwane ezilungileyo emhlabeni. Namhlanje ukutshisa intsimi lelona nqanaba lokugqibela kwaye kuphela xa umfama edibana nengxaki izibulali khula zingasebenzi.

Izibulali Khula

Ulwazi olukhulayo malunga nokungalungi koku khofola ngenxa yempilo yomhlaba nobume bawo kwenze okokuba kukhule indlela yokulima okulondoloziweyo, amafama ayazama ukungatshisi imihlaba nokuwukhofola, oku kwenze axhomekeke kwizibulali khula ukuze balawule ukhula. Baxhomekeke kakhulu kwi kwizibulali khula xasele likhona ukhula ukuze zinqande ukukhula kokhula ngembewu nokuqinisekisa okokuba ukhula nembewu yalo azisebenzi ngexesha lokutyala nokusetyenziswa kwezithinteli khula ukuqinisekisa okokuba umhlaba awunalo ukhula emveni kokutyala.
Eyona nto ibuyisela umva kulento lulawulo olungaphucukanga lungenza izibulali khula zingasebenzi. Kufuneka kukhathalelwe kusetyenziswe izibulali khula ngokwe miyalelo nokutshintsha intlobo zezibulali khula kwe ntwana-ntwana ezifumanekayo. Amafama angagaxeleka engxakini xa esebenzisa izithinteli khula ezinye kwakhona, kaninzi ingekho enye into esiphakathini awayisebenzisayo.
Xa kukho ichemistry entsha, amafama kufuneka ‘akhusele’ ukusebenza kwezintlobo bazisebenzise njenge dlela yokuncamela.
Ngaphandle koku, isithinteli khula esilungileyo kufuneka sisetyenziswe kwisivuno esifanelekileyo, kuba izithinteli khula zenzelwa ukulawula ukhula olumagqabi amakhulu, ingca okanye umxube wezi. Izivuno, ezifana ne ngqolowa, umbona, bhali, umobo weswekile, oats, okanye umbona zizakutshabalala xa ufafaza isithinteli khula sengca kuzo, logama izithinteli khula, ezisetyenziswa kumagqabi amakhulu zizakutshabalalisa isivuno, esifana ne canola, sunflower kunye ne medics.
Eyonanto ingcono kukuthetha nomcebisi osebenza ngekhemikhali ukukunceda wenze indlela yolawulo lokhula nokuhlala ukuvuselela ukuze ukwazi ukongeza iindlela ezintsha nakwimeko ezohlukileyo zezulu.

Translated by Zikhona Plaatjie