uLawulo Lokhula Ekulimeni Izityalo Eziphilayo

© Marinda Louw
Ukhula lubonwa ngama fama njenge ‘siboniselo sezityalo’. Izityalo zikhula apho zifumana khona ukutya ezikudingayo kulondawo zithe zakhula kuyo.
‘uKhula’ lunga thetha okokuba kukhona okungonelanga okanye iiminerali zingapha komlinganiselo emhlabeni kwaye zivelisa ulwazi nge pH, nezinga lokufuma, noxinano lomhlaba njengo bukho bodaka elomileyo – ucwambu olungaqhekekiyo lomhlaba womdongo.
uFrederick Clements, lowo odumileyo usebenza ngezityalo wase Melika wacacisa: sityalo ngasinye sisibonelelo njengoko isityao ngasinye siyimveliso yemeko esikhula phantsi kwazo, kwaye ke zibangu mlinganiselo wezo meko. Njengo mphumela, nayiphi na impendulo eyenziwe zizityalo ichaza okwenzekayo kuso.
Imizekelo elungileyo yingca ekhawulezileyo (Cynodon dactylon) ekhetha umhlaba oxineneyo norhalajane okhula kumhlaba one nitrogen ephezulu. i-Clover ifumaneka kumhlaba onomlinganiselo omncinci we nitrogen.

Lulawulwa Njani Ukhula

Ulawulo lokhula ngumceli mngeni omkhulu kulimo lwezityalo eziphilayo. Eyona ndlela isebenzayo kukususwa kokhula ngomatshini. Oku kungenziwa ngezandla okanye ngezixhobo zeganda-ganda. Umzekelo, ukhula lungasuswa ngesixhobo i-blow torch ixhonywe emveni kwe ganda-ganda. Isetyenziswa kulimo lwezityalo zemifuno eziphilayo, kodwa iyabiza ngemali kwaye inobungozi.
Amaxolo angasetyenziswa ukulawula ukhula, inceda nokugcina umhlaba umanzi, ithintele umonakalo owenziwa likhephu, kwaye wongeze ekuphileni komhlaba.
Amaxolo womthi ophilayo (umzekelo, imizi, izikhondo, izityalo zangaphezulu ezitywiniweyo) okanye isigqumathelo seplastiki singasetyenziswa. Fumana ulwazi ngemithetho nomzimba onikeza ugunyaziso okokuba kuzakuvunywa na oku. Iplastiki mazisuswe ekupheleni kwexesha zilahlwe ngendlela elungileyo emhlabeni.

Izityalo Zangaphezulu Zokuthomalalisa Ukhula

Izityalo zangaphezulu nase siphakathini (izityalo ezikhula zisondelelene okanye zityalwe kwimiqolo elandelelanayo) zinga lehlisa ukhula. Umhlaba uxinaniswe ngezityalo oku kwenza kungabikho kukhanya kwaneleyo imbewu yekhula ukuze idubule ikhule. Ukutyala izityalo ezohlukileyo yenye indlela yokuqinisekisa ukwahlulwa kwezityalo kwifama yakho.
Ngokutyala izityalo zangaphezulu, eyona njongo kukwenza ngcono umhlaba utyebe, zingavunwa okanye zenzelwe ukuba zityiwe zizilwanyane. Izityalo eziqhelekileyo zokutyebisa umhlaba ziquka imbotyi ne clover.

Translated by Zikhona Plaatjie