Ukuphawula Imveliso zeeHagu

Amafama angavumela iihagu zawo ukuba zijikeleze phandle ngokukhululeka, kwaye bangasebenzisi kutya kuxilongiweyo okanye iiantibiotics. Kodwa imveliso yala mafama inokuphawulwa njenge free range, organic okanye ekhuliswe ngendalo kuphela ukuba uphawu olo kwakunye nendlela ekuveliswa ngayo zibhaliswe kwi sebe leDepartment of Agriculture, Forestry Fisheries.
Kwaye ezifama kufuneka zihlolwe hroqo ngumhloli ozimeleyo, ofana ne South African Meat Industry Council. Xa kungekho mithetho icacileyo mayelana nokusetyenziswa kwalamaphawu, ziye zithethe izinto ezahlukeneyo kubantu abohlukeneyo. Kodwa ke nazi iingcaciso zazo ezaziwa luninzi:

iSow Friendly

©Glenneis Kriel
The Sow-friendly label is used for pork meat where sows spend minimal time in individual pens.
Iimazi zazikade zivalelwa zodwa nganye nganye, ngethuba zimithi. Iihagu ke zimitha iiveki ezingama 16. Kwakukholelwa ukuba ukuvalelwa kweehagu ezimithiyo kukhusela ukuphuma kwezisu zazo. Uphawu olubhalwe “sow friendly” lusetyenziswa kwiihagu eziveliswe kwindawo apho iihagu zichitha ixesha elincinci kakhulu zivalelwe zodwa. Ukuze zikwazi ukuthengiswa kwiivenkile zase Woolworths, kufuneka zivalelwe zodwa kwiveki yokuqala zimithi, logama zingavalelwa ukuya kuma kwiiveki ezisi bhozo ukuze zikwazi ukuthengiswa kwiivenkile zase Pick n Pay.
Emveni koko, iimazi ezimithiyo ziyadityaniswa ngokwamaqela kwaye zikwazi ukuzula zula zihlale nezinye ngaphambi kokuba zifuduselwe kumakhreythi okuzalela, nalapho ihagu ihlala yodwa. Zifuduselwa kula makhreythi kwiveki enye phambi kokuba zizale. Akhona ke amaqela angahambisaniyo nokusetyenziswa kwalama khreyithi okuzalela, uninzi lwamafama kunye neenkampani asebenzisa oluphawu ayeka iimazi kunye namantshontsho azo zihlale kulama khreythi kangangee veki ezintandathu, de kube kanti amantshontsho ayekisiwe ukuncanca.
Kukholelwa ekubeni lamakhreythi okuzalela aphuhlisa impilo yeehagu: Ngokunciphisa inani lamantshontsho afayo, ngokwenza lula ukukhathalelwa kwazo, ngokuthintela iimazi ukuba zingatyumzi amantshontsho eehagu kwaye nangokuqinisekisa ukuba amantshontsho eehagu afudumele kwaye afumana ubisi ngokwaneleyo ngokwaneleyo
Iivenkile zokutya ezinkulu zivamise ukuba neminye imithetho ezifuna ilandelwe ngamafama ukuze zibe kanti zithenga kuwo. Ezi zihlobene nempatho yezilwanyana, ukwazi ukuba imveliso nganye isuka phi, impilo yezilwanyana kwakunye namachiza ezigulo, ukutya ezikutyayo kwakunye neendawo ezihlaliswa kuzo. Ezi venkile ziye zijonge ke nendlela ezithuthwa ngayo kwakunye nokuba azixhelwa ngolunya kusini na.

Imveliso ye Free Range

©Glenneis Kriel
Free range and pasture reared pigs spend most of their lives in camps outside.
Igama elithi free range lithetha ukuba iihagu azivalelwanga, kodwa zityiswa phandle ubukhulu becala. Kwaye ziyakwazi ukuziphumela zizingenele kwiindlwana ezincinci zazo.
Indlela ekuchazwa ngayo oku ke kuyohluka, kuba kusekho amafama ambalwa asasebenzisa iindlwana zokuzalela kangangesithuba seenyanga ezintandathu ukunciphisa izinga lokufa kwee hagu.
Iihagu azingekhe zikwazi ukuphila ngokuzigrumbela ukutya emhlabeni okanye uhlaza kuphela, ngoko ke kufuneka zifumane nesondlo sokongeza.

Ekhuliswe nge Pasture

Uphawu lwe Pasture raised luqhele ukusetyenziswa kakhulu kwiihagu ezikhuliselwe phandle zisitya uhlaza, kwaye uninzi lokutya kwazo ikukutya eziziphandele ngokwazo emhlabeni. Kodwa ke zabe zisondliwa nange ngqolowa, imixube yeembotyi kunye nokutya okulungiselelwe iihagu.

iOrganic

Abantu abazimiseleyo ngoluphawu basenokugxininisa ekubeni oluphawu lusetyenziswe kuphela kwiihagu ezinophawu lwe free range kuphela kwaye zibe zikwii mveliso ezi sow friendly. Kwaye ezihagu zingondliwa ngokutya okuveliswe ngaphandle kwekhemikhali kunye namayeza abhalisiweyo. Ii-antibiotics azivumelekanga, ngaphandleni kokuba kukho iimeko ezinyanzelisayo ezimaxongo. Akukho ntlobo ye hormones isetyenziswa kwimveliso zeehagu eMzantsi Afrika, akukhathaliseki nokuba yimveliso ye organic okanye hayi.

iPork 360

©Glenneis Kriel
Pork 360 is a quality assurance certification system of the South African Pork Producers Organisation.
iPork 360 sisiqinisekiso somgangatho wenyama ye hagu esikhutshwa ngumbutho we South African Pork Producers Organisation.
Esi siqinisekiso sabhaliswa neDepartment of Agriculture, Forestry and Fisheries ngomnyaka ka 2015.
Kwaye siqinisekisa umthengi kunye nonovenkile ukuba umvelisi okanye umfama usebenzisa iindlela zemveliso ezihambisana nemigaqo ethile.
Ezi ke zihambelana nemigangatho yokhuseleko kokutya, imfuno zococeko, zolawulo lwezindlu, ukhuseleko lwezilwanyana, ukugcinwa koshicilelo, ukuyazi ukuba inyama yasefama isuka phi kanye, ulawulo lwezonakalisi, ukutya kunye nomgangatho wokutya, ulawulo lwemanyolo kunye nolwamanzi, ezothutho kunye nokusetyenziswa kwamayeza kunye nezithinteli.
Abavelisi bayazikhethela ukuba bathathe inkxaxheba kule nkqubo. Kufuneka babenogqirha wezilwanyana ogunyazisiweyo, nothi atyelele ifama rhoqo, acebise aze ahlole indlela ekuveliswa nekuqhutywa ngayo kwifama leyo.
Lo gqirha wezilwanyane kukwafuneka enze i Standard Operating Producers document kwaye konke oku kufuneka kuhambelane neemfuno zemigangatho Pork 360.