Ukunzonzotheka Kokukhula kweeHagu

©National Pork Board, USA
Iihagu ezicothayo ukukhula okanye ezingade zityebe zizakubanegalelo elibi kwingeniso yefama. Kuba kwasuku longezelelweyo ludingekayo ukuzondla kuyinkcitho kwingeniso yefama. Ukunzonzotheka ukukhula kungabangelwa zimeko ezohlukeneyo, ezifana nofuzo- xa izelwe sele injalo, ukungondleku, izifunxi gazi, izifo kunye neemeko zendawo ezihlala kuyo.

Indlela Ezalwa Iyiyo

Ezinye iindidi zeehagu zizalwa sele zinobunzima obukhulu kwaye ziyakhawuleza ukukhula kunezinye. Iimazi zezinye iindidi zehlisa kakhulu kwaye ziyakwazi ukukhathalela amantshontsho azo. Konke oku kungakhokelela ekubeni amantshontsho azo akhule ngokukhawuleza kwaye abesempilweni. Ngoko ke, jonga ukuba yintoni eqhelekileyo kwindidi leyo yehagu xa useka imimiselo yokukhula uze uthelekise neziphumo zemveliso yakho kunye neyamanye amafama.
Amafama amaninzi adibanisa iindidi ezimbini ezohlukeneyo, ngamanye amagama inkunzi yendidi ethile idityaniswe neqela leemazi zenye indidi ukuze kuphume ezona mpawu zihamba phambili kwezindidi zombini. Xa usenza oku, onke amantshontsho aphume apho azakuthengiswa, kuba ukuphinda azaliswe kungakhokelela ekwandeni kweempawu ezingalunganga kwiqela lesibini lamantshontsho.
Xa ukhetha iindidi omawuzisebenzise ukuzalisana, kubalulekule ukukhetha izilwanyana ezikhula kakuhle kwaye ezinenzala entle nenyama ebasemgangathweni

Ukungondleki

Iihagu zingacotha ukukhula ngenxa yokungondleki ngokutya okufanelekileyo okanye ukungatyi ngokwaneleyo, xa ukutya kungekho mgangathweni, kunzima ukukucola esiswini okanye ngenxa yokuba iihagu azityi zinongo zoneleyo ezilungele umzimba.
Ukuthintela lengxaki, cela ingcali ngezempilo yezilwanyane okanye umcebisi ngezokutya ukuze bakuncede ekusekeni indlela yokutyisa ehambelana nazo zonke iimfuno zezinongo zeehagu zakho kwizigaba ezithile zemveliso. Lenkqubo akufanelanga ijongane kuphela nemfuno zokutya kweehagu zakho kuphela, kodwa nalapho kusuka khona ukutya okutyisa iihagu- Oko ukuthenga sele kulungile kwingingqi yakho kunye namaxabiso wokutya okusafuna ukwenziwa.
Ngaphezulu, kufuneka uqinisekise ukuba iihagi ziyakwazi ukufikelela ekutyeni xa zikufuna. Nokuba iihagu zitya phandle okanye zikhuliselwa kwindawo engaphakathi. Ukuba iiihagu zikhuliselwa phandle, iihagu kufuneka zifumane iisupplement ukongeza izinongo ezingekhoyo kwizityalo ezikukutya kwazo. Amafama kufanele aqinisekise nokuba ihagu nganye iyafikelela ekutyeni, ngokunciphisa ukhuphiswano/ukuxhwithana ngeendawo zokutyela. Oku kungenziwa ngokuqinisekisa ukuba kukho umtyhi owaneleyo kwindawo yokutya owanele ihagu nganye.
Ukutya kufanele kucoceke, kwaye kungabikudala, kungenjalo iihagu zisenongakutyi.

Izifunxi Gazi

Izifunxi gazi ezihlala emzimbeni wehagu ezifana ne mange, iintwala,iintakumba neencukuthu zingayithukuthezela ihagu kangangokuba ichithe ixesha elininzi izama ukuyekisa ukurhawuzelelwa ngokuzigudla izikrwempa, endaweni yokutya. Nto leyo inokukhokelela ekunzonzothekeni ingakhuli.
Ezangaphakathi ke ezifana neentshulube, nazo zingabangela ukunzonzotheka ukukhula. Ukucoceka kwindawo yemveliso kwenza umahluko omkhulu ekulweni nezingxaki. Xa kukho enye yezi, yinyange kwangoko ukuthintela ukuba inganwenweli kwezinye iihagu. Kulicebo elilungileyo ukuthintela esisifo singekafiki ukuba isifunxi gazi esithile siyathanda ukufumaneka phantsi kwemeko ezifana nemveliso yakho. Cela iingcebiso kugqirha wezilwanyana okanye ingcali ngempilo yezilwanyana.

Izifo

©National Pork Board, USA
Ihagu egulayo okanye “engonwabanga” isenokungacaceli kutya. Ngoko ke, zama ukuthintela ukuqhambuka kwezifo uze uzinyange ngoko nangoko zisakuvela.

Iimeko Zentlalo

Uxinzelelo lobushushu lunegalelo elibi kwindlela iihagu ezitya ngayo, logama ingqele yona inokukhokelela ekubeni iihagu zitye ngaphezu kwesiqhelo ngelinge lokuzifudumeza. Ngoko ke, tyisa iihagu zakho ngethuba elipholileyo emini uze wongeze neminerali ekutyeni kwazo, ukubuyisela izinongo ezimkileyo ngethuba bekutshisa.
Kufuneka uzimisele ekukhuseleni amantshontsho ukuba angagodoli kakhulu, kuba oku kuzakuwenza angenwe lula zizifo. Kwaye zingacotha nokukhula.

Translated by Zizipho Silwana