Ubuchwephesha bale Mihla kunye Nolawulo Lokubiwa Kwemfuyo

©Roger de la Harpe
Uphuhliso nokwenziwa kobu chwephesha bale mihla obutsha zenza amafama akwazi ukukhusela nokujonga imfuyo kunye nezilwanyana ezitya imfuyo. Ukusebenzisa amaphekepheke (tags), iikhamera, kunye nobuchwephesha be GPS umzekelo zingasetyenziswa ukulandela ikhondo nokujonga izilwanyana ezitya imfuyo, nokuqonda isimilo sazo ukuze kuncedwe amafama enze izigqibo ezingcono zolawulo lwezilwanyana ezitya imfuyo.

Ezenziwe ngo- Gesi Zokugxotha Izilwanyana Ezitya Imfuyo

Endaweni yokulahlela ubulongwe bengonyama kwindawo ogcina kuyo izilwanyana ukugxotha izilwanyana ezitya imfuyo, amafama ngoku angathenga i’ electronic solar powered deterrent’ esi ke sisithinteli, umzekelo waso yi Skaapwagter, ethi ikhuphe umgubo ongarhawuzelelisi iimpumlo zezilwanyana ezitya imfuyo kuphela, kodwa ikhupha isandi esiphezulu sokugxotha izilwanyana ezitya imfuyo. Isandi esikhuphayo kuthiwa asivakali kuluntu neegusha, kodwa sikhwaza kakhulu kwizilwanyana ezitya imfuyo.
Zonke ezizixhobo zobuchwephesha zisebenza kakuhle xa kungekho moya kwaye akufunekanga zibonwe ngesisombululo zizodwa, kodwa zisetyenziswe njenge ngxenye yolawulo oluphangaeleyo.

Iindlela Zokugxotha Zakudala

Endaweni yokuthenga izigxothi zexabiso eliphezulu ezenziwe ngo gesi, amafama angasebenzisa oonomathotholo ukwenza iingxolo ezohlukileyo kwindawo ezohlukileyo ezivalelekileyo, bazitshintsha tshintshe bazisuse rhoqo ebusuku. Okufanayo kungenziwa ngezibane ezibekwe ngendlela eziyimibala umthubi/tyheli, orenji kunye nomhlophe. I-Predation Management Forum icebisa amafama ukusebenzisa ezizithinteli iiveki ezintandathu, nesikhewu sonyaka phakathi kweloxesha.
Izithinteli ezinukiswayo akufunekanga zisetyenziswe ngapha kweveki ezintandathu, ukuthintela izilwanyana ezitya imfuyo zingaliqheli ivumba, zimane zitshintshiswa nezithinteli ezenza ingxolo nokukhanya. Iingxolo akufuneka zisetyenziswe ngapha kweveki ezintlanu ngexesha kwaye zingabikho kufuphi kwizikhova okanye amabhabhathane. Nazo kufuneka zitshintshiswe ngezinye zengxolo.

Izilandi Mkhondo

©Roger de la Harpe
Enye indlela yokukhusela imfuyo kukuba uzivumele “zikutsalele umxeba xa zisengxqakini”. Zininzi izisombululo ezi qulunqunyiweyo kulombono, ingakumbi ngendlela yekhola nge GPS tracker edityaniswe ne ‘app’ kunomyayi womfama.
Ikhola ifakwa kwenye yesilwanyana kumhlambi. Ukugcina umkhondo kwisilwanyana esinye kuzakunikeza umfama umkhondo wezinye izilwanyana kwaye ukuba zenzantoni, kuba izilwanyana eziyimihlambi ziyakuthanda ukuhamba zonke ziliqela. Esisixhobo siye sithumele umyalezo (SMS) okanye senze ingxolo xa kukhona okungaqondakaliyo.
Ngamanye amagama xa isilwanyana siqalisa ukubaleka kungekho sizathu. Ezikhola ezincedisa kulawulo lwezilwanyana ezitya imfuyo kuphela kodwa zinceda ukuthintela amasela angebi imfuyo. Amafama asisebenzisa isilandi mkhondo kunye nezinye ezingezizo ukubhidisa amasasela emfuyo.

Ezinye Iikhola

Iikhola zoku khusela zingasetyenziswa kwizilwanyana ezise mngciphekweni ukuyokuma kwiveki ezintandathu ukuzikhusela kwizilwanayana ezitya imfuyo ezithi zingqale entanyeni. Okanye ke, iikhola ezizithinteli umzekelo ezintsimbi ekhayalo, ezikhupha ivumba elingathandekiyo kwisilwanyana esifuna ukutya imfuyo okanye izikhanyisi zingasetyenziswa. Iikhola zisebenza kakuhle xazithe zatshintshiswa nezinye.

Icingo Elinombane

Ukusetyenziswa kobuchwephesha bale mihla obuquka icingo elinombane kuthetha okokuba amafama akukho sidingo sokuba ahambe icingo lonke ukubona iingxaki.endaweni yoko, yaziswa xa kukho isigrogrisi kwaye anikezwa eyona ndawo ngqo enesigrogrisi. Ukuhlala kuhlolwa macingo, kubalulekile ukuze obubuchwephesha busebenze.

Translated by Zikhona Plaatjie