Tangs/Surgeonfish

© Johan Boshoff

Igama leentsapho eziqhelekileyo

Tangs/Surgeonfish

Igama le-Sayensi

Zebrasoma

Ubukhulu

Ukufika ku- 30 cm, i-avareji 18 cm.

Inkangeleko

Inomzimba ongathi licwecwe iphinde ibenempumlo etsolo. Inkulu, kwaye inamaphiko ngasemva nangaphambili. Umqokolo wayo utsolo apha emsileni ufana nezinye intlanzi. Amaphiko asemva wona mancinane. Umbala wayo wohlukile ukusuka pha kumbala ontsundu ukuya kumbala ogqamileyo butyheli.

Inkcukhacha jikelele

Zebrasoma ziquka iintlobo zosapho eziyi-7. Zifunyanwa kwiindawo ezinengqokelela yamatye zingamaqabane okanye zingamaqela. Ezinye zisebenzisa imiqokolo njengento yokuzikhusela xa zijamelene nengozi- xa ithe yaluma, elonxeba libayingozi. Amaphiko angaphambili nangasemva wamantshontsho makhulu ngaphezu kwemizimba yawo. Iyintlanzi ezalayo.

Ukutya

Itya ulwelwe, impasalaka yamatye kunye nemifuno. Isisilwanyana esithanda ukutya izityalo.

Ukufumaneka

Zifumaneka kwiindawo ezinobushushu naselwandle kwizwe lonke.

Iindidi eziqhelekileyo

Spotted tang - Zebrasoma gemmatum
Yellow tang - Zebrasoma flavescens
Yellowtail tang - Zebrasoma xanthurum