Sausage Tree

© Shem Compion

Igama

Sausage Tree [Kigelia Africana]

Igama lesiLatin

Kigelia pinnata

Inkcazelo

Lomthi ofumaneka pha kumathafa ase Afrika uyintyatyambo entle. Iintyatyambo ezibomvu-gazi ziyalenga. Ivumba lentyatyambo alinuki kamnandi ebantwini kodwa libiza i-Dwarf Epauletted Fruitbat, umungu wayo. Xa amagqabi wentyatyambo esiwa, izilwanyana ziyasondela zizotya.
IImpala, duiker, imfene, iihagu, kunye neentaka zothando zitya pha kulomthi zonke. Iziqhamo ezingwevu zifana nonqiyoyo kwaye zikhula iinyanga ezininzi ukuze zibengango nyawo ebudeni futhi ngomzimba zilingana nephawundi eziyi 10.

Iintyatyambo neziqhamo

Lentyatyambo embala ogazi-bomvu yase Mzantsi Afrika iyachuma ebusuku, eziqwini zentambo ezijonge phantsi ukusuka pha kwimbambo zomthi. Iimbali yawo ingcoliswa ngamalulwane, izinambuzane kunye neentaka zengingqi.
Iziqhamo ezindala zijinga emthini ingathi ngonqiyoyo. Ngobude zingalinganiselwa ebudeni benyawo kangange mitha eziyi (0.6) ziphinde ziweyishe kangange kilogram eziyi (6,8kg) okanye iphawundzi eziyi 15.

Intsebenziso

Incindi yesiqhamo isetyenziswa ukunceda xa kubiliswa utywala. Imbewu igcinwa njenge ntsimbi yomqala yokholo iphinde ikhuphe idayi ebomvu xa ibilisiweyo. Iyeza lenziwa ngesiqhamo salomthi futhi linyanga imeko ezimbi zesikhumba. Oothekwane baka Meyer bayayithanda imbewu yalomthi. I-Mekoro ziyakhutshwa ezenziwe ngesiqu kunye neengcambu ezinkulu zalomthi.
Ezinqanawa kudala zisetyenziswa njenge ndlela yokuhamba ukusuka pha ku mlambo idelta e-Botswana. Lomthi akatyiwa kodwa isikhumba sawo sisetyenziswa njenge yeza langaphandle. Eyona nto ibalulekiyo esetyenziselwa yona kukunyanga izifo zesikhumba ingakumbi umhlaza. Isiqhamo siyatshiswa siphindwe sibondwe ngamafutha kunye namanzi ukwenza into yokuthambisa ebusweni.

Ufumaneka phi

Lomthi ufumaneka kumbindi we-Sahara kumzantsi e-Afrika ukuya kumantla oMzantsi Afrika.