Ndibhalisa Njani Ngengo Mfama Ovelisa Isivuno Esiphilayo

© Afrisco
I-South African Organic Sector Organisation (SAOSO) ingaphantsi kwe PGS-SA kunye ne Afrisco kwaye inganceda abavelisi baziwe ngokuse sikweni njengabavelisi besivuno esiphilayo. Ukwamkelwa nokupapashwa kwemithetho ye SAOSO ibengu mvulandlela okhokhele ekubeni kuphinde kwaziswe i-Afrisco. Ukuqaleni, i-Afrisco izakusebenza ngaphantsi kolawulo lwe SAOSO, ezizakuthi zonke ngokusebenzisana ne PGS-SA, yakhe isiseko sokuthemba lemveliso ivunyiweyo. Zintathu iindlela zokuqinisekisa nokuthemba - okokuba iimveliso zizityalo eziphilayo (organic) – ziye zisekwe phakathi komthengi nomthengisi.

Iqembu Lokuqala: Ubuso-nobuso kunye Nokuzixelelela

Umvelisi nomtengi bayazana ngqo, ngesiqhelo obubudlelwane bakhiwa ngobuhlobo, ngokuva kwabanye, kunye nokwaneliseka yimpatho nentengiso. Umthengi ubhatala elixabiso lifunwayo ngenxa yokuthemba umvelisi. Inxaxeba yemali nenzame ezifunekayo ukuseka okukuthembana kungaluncedo kumtengi kunye nomthengisi.
“Ukuzixelela” kuxa umvelisi eqamba okokuba imveliso yakhe zizityalo eziphilayo, esebenzisa nje ngelize igama elithi ‘eziphilayo/organic’ kwi layibheli yemveliso. Umthengi ongaqondiyo ubeka ithemba lakhe kule mveliso athathe isichenge sokuthenga imveliso engenguwo umgangatho, kwaye engekho semthethweni ngokwee mveliso eziphilayo.

Iqembu Lesibini: i-Participatory Guarantee Systems (PGS)

Iqela le International Federation of Organic Agricultural Movements (IFOAM) yazisa iParticipatory Guarantee Systems (PGS) njengomhlobo owaziwayo-indlela yokujongisisa. Ugxininiso lwe-PGS liyilungele intengiso yebavelisi abathile-umzekelo apho abavelisi benikeza behambisa imveliso yabo kwindawo yokutengisa yamafama. Nge PGS abavelisi banikeza ngesiqinisekiso esisemthethweni okokuba iimveliso zabo ziveliswe ngemimiselo eyaziwayo yemveliso eziphilayo. Emzantsi Afrika sisebenzisa igama elithi ‘Evunyiweyo yi PGS’.
I-PGS zingokuncedisana kweqembu. Ngesiqhelo, ziquka iqembu labavelisi, abathengi, nabasebenza kwindawo zokuthengisa, ngokuncedisa zingcaphephe kwezolimo lezivuno eziphilayo. Eliqela libeka imimiselo yalo ngokufana nemimiselo yelizwe jikelele. Emzantsi Afrika ke yimimiselo ye SAOSO, ilungu losapho lwemimiselo lwe IFOAM, yiyolonto isaziwa kumazwe jikelele. Eliqela lenza imvavayo, kunye nokugcina iinkcukacha.
Amalungu weqela (Aabanga bahlobo) bandwendwela abavelisi ngokumane betshintshiselana ukwenza oluvavanyo rhoqo ngonyaka. Iziphumo zovavanyo ziyagcinwa, zixelelwe umfama. Oko kuquka “ukungalandeli imithetho”. Xa ukulandela umthetho kusombululekile, umvelisi uyavumeleka okokuba ilogo ye PGS kwaye athengise imveliso zakhe kwindawo zokuthengisa ezidibene nemithetho ye PGS. Umbutho we PGS-SA (Participatory Guarantee System) - South Africa ngumzimba welizwe oqwalaselisa Ipgs nganye eMzantsi Afrika.

Iqembu Lesithathu Legunya: AFRISCO

Ukuvunywa kwamafama afuna ukuvelisa isivuno esi organic kwenziwa ngumbutho ogunyazisayo. Le ke indlela ilungele intengiso yevenkile ezinkulu ngokusasazwa (umzekelo xa uhambisa imveliso ezenziweyo ezi organic kumthengisi). Okanye kwabo bathengisi apho i-PGS ingelilo icebo. Ukugunyaziswa ngomnye umzimba sisenzo esisesikweni esiquka ukunikezana amaphepha nokujonga indawo leyo. Isatifikethi siyakhutshwa xa konke kwenzeke ngempumelelo kwapasa. Lilonke, ndingenza njani ukuba ngumfama ovelisa isivuno esi organic ngokuse sikweni?
Indlela ye PGS:
Ingaba ikhona i-PGS esebenzayo apho uhlala khona? Ukuba ikhona, yiba lilungu layo.
Ukuba ayikho, ingaba akhona na amafama, angabavelisi abathengisayo kufuphi abanokuba nomdla ekusekeni i-PGS?
Indlela ye Afrisco:
Okokuba nangesiphi na isizathu indlela ye PGS ayikulungeli, okanye ufuna ukufikelela kwintengiso ezinkulu ezifana nee venkile, xa kunjalo faka isicelo kwi Afrisco.
I-Afrisco ngoku sebenzisana ne SAOSO ne PGS-SA zizakuqinisekisa ukuqhubeka kwexesha elide, ukwenziwa (indlela ende yokutshintsha oku krwada ze kube kugqibekile) kwindawo zentengiso.
Amaqembu wamafama asakhasayo angaseka iqembu balibize i-“Qembu lokukhulisa” bafake isicelo kwi Afrisco ukuze bagunyaziswe “beliqembu”.
Abavelisi bangafaka isicelo sokugunyaziswa kwi Afrisco lowo nalowo azicelele yedwa.

Translated by Zikhona Plaatjie