Mourvèdre

© Glenneis Kriel

Inkcazelo

iMourvèdre ngumdiliya ombala umnyama nesetyenziselwa ukuvelisa iwayini ebomvu. Intlolo ye DNA ibonise ukuba indidi zomdiliya ezaziwa ngokuba yi Mataro, Monastrell kunye ne Mourvèdre yinto enye. Lendidi, namhlanje, yaziwa ngcono ngegama layo lesi French, iMourvèdre. Onozala bayo abaziwa.

Imvelaphi

Nangona iMourvèdre imvelaphi yayo ise Spain, yayingama French awathi adumisa la wayini ngemixube yawo esemgangathweni yehlobo lwe Rhone. Lomdiliya, njengeminye emininzi, kubonakala ukuba ithathela igama layo kwindawo apho yaqala kuzo, oko kukuthi idolophu zase Spain I Mataro kufuphi ne Barcelona kunye ne Murviedro kufuphi ne Valencia.

Lomdiliya wanwenwela eFrance nge Sentyuri 16 waze wabalelona hlobo lomdiliya ludumileyo kwi lali yase Rhone, kwade kwafika ubhubhane wesifo se phylloxera kwi middle ages. Uninzi lwemidilya lwangenelwa yi Grenache endaweni yayo , neyayi lula ukuyikhulisa ngeloxesha.

Neyayi ngangenwa lula sesi sifo se phylloxera. iMourvèdre, noxa kunjalo yaqhubeka ukuphuhla e Bandol, indawo ekumazantsi e Rhone kuba yona yayingenawo lobhubhane we phylloxera ngenxa yemihlaba yayo eyi santi.

Amanye Amagama

Lomdiliya waziwa ngokuba yi Mataro, iBalzac noir, iDamas noir, iTrinchiera kunye ne Monastrell.

Imveliso eMzantsi Afrika

Kubonakala ingathi lomdiliya wafika eMzantsi Afrika ekupheleni kweminyaka yoo 80, kodwa ibipapashwa ngu Prof Abraham Izak Perold ukusukela ngeminyaka yo 1920 ngenxayokuba ikwazi ukuvelisa iwayini iwayini esemgangathweni nokukwazi kwayo ukumelana nemo zezulu ezishushu.

Iingingqi Eveliswa kuzo eMzantsi Afrika

Lendawo iphantsi kwe mveliso ye Mourvèdre ikhule kakhulu ukusuka kwiminyaka yo 1990, ngethuba amafama aqala ukulima iindidi zemidiliya ezikwaziyo ukumela nobushushu base Mzantsi Afrika. Ngomnyaka ka 2016, kwakukha ngaphezulwana nje kwe 470 ha zalomdiliya kweli lizwe, zimele inani nje elibalelwa kwi pesenti enye yenani lemidiliya evelisa iwayini ebomvu.

Nangona lomdiliya utyalwe kuzo zonke iindawo ezivelisa iwayini, ngaphandle kwe Northern Cape, I Swartlanda ne Paarl zivelisa into ebalelwa kwisiqingatha selinani lilonke.

Ukukhula

Lendidi ichuma kakhulu phantsi kwemo zezulu ezishushu. Iyachuma kwaye ithwala isivuno esikhulu, esibaphakathi kwe 20 t/ha to 23 t/ha.

Ukuvuthwa

Lomdiliya uvuthwa phakathi kwixesha lokuvunwa, ukusuka esiphakathini ukuya ekupheleni kwenyanga ka Matshi.

Amagaqa Omdiliya

Lendidi ivelisa amagaqa omdiliya arawndi, amakhulu, anamaxolo omeleleyo amnyama, kunye nenyama yangaphakathi eluhlaza eqinileyo. Lemidiliya ayibinamibala ifanayo ncakasana, iziphumo zoku ibangamagaqa omdiliya anemibala ehlukeneyo kwi bhantshi enye, xa zisaqala ukuvuthwa. (veraison).

Amagqabi

Amagqabi anombala oluhlaza ocacileyo, aphakathi ngokomlinganiselo, arawndi, kaye anamacala amathathu.

Izonakalisi Nezifo

Lomdiliya uhlaselwa lula lula zizifo nezonakalisi ezifana nokungunda.

Imisebenzi

EMzantsi Afrika, i Mourvèdre ivamise ukusetyenziselwa ukuvelisa I wayini ezingaxutywanga nezinye iindidi okanye imixube yohlobo lwe Rhone, kwakunye ne Grenache okanye i Shiraz.

Incasa

Lomdiliya unencasa ezicacileyo zemulberry kunye namaqunube amnyama. Nezinongo ze liquorice, isinamoni nezinye eziqhwethayo.Translated by Zizipho Silwana