Jackalberry

© Shem Compion

Igama

Jackalberry, African Ebony [Diospyros mespiliformis]

Igama lesi-Latin

Diospyros mespiliformus

Inkcazelo

Lomthi ukhula abe mde abengange nyawo ezi 80, isiqu wayo unobude obungange nyawo ezi 16. Umlinganiselo wobude balomthi ufikelela pha kwinyawo ezi 15-18. Isiqu salomthi sikhula kakuhle naphezulu, imisebe yawo ikhula pha kude le nomhlaba. Iziqu ezindala ezisuka kweminye imithi zima emseleni, zibebucala pha ngase siqwini apho zoluleka khona. Umphandle womthi umnyama buntsundu xa usakhula, ajike abe mnyama bungwevu xa sewukhulile, abenesikhumba esirhabaxa, esenza imisele eyenza imigca exwesileyo.
Zinomqhele omkhulu okhasa, obala limmnyama luhlaza. Igqabi elinye limile okweqanda, lingange iintshi eziyi 5,5 ngobude futhi ne-iintshi eziyi 3 ngobubanzi iphinde ibe nemida egudileyo efanelekayo. Amagqabi amadala ayamenyezela, akhangeleka ingathi sisikhumba, ibemnyama luhlaza ngaphezulu ikhanye luhlaza ngaphezulu.
Amagqabi kunye nezetyana zikhuselwe buboya. Xa umthi usemncinci awuphulukani namagqabi wayo, kodwa xa umthi umdala amagqabi ayaphela pha kweye ntwasahlobo. Amagqabi amatsha akhula pha kweye Silimela ukuya kweye Dwarha futhi anombala o-pink, orenji okanye obumvu. Xa iphantsi kokukhanya umbala uyatshintsha abe bomvu-bumdaka ade abemnyama. Lomthi uzalana nosapho lwe-Ebenaceae futhi waziwa njenge African ebony.

Iintyatyambo

Iintyatyambo zalomthi zincinci kwaye aziqapheleki. Iintyantyambo zinuka kamnandi, zimhlophe zibe ngathi zimhlophe futhi zinezini ezahlukileyo, zikhula emithini ehlukileyo. Iimazi zikhula zodwa zona iinkunzi zikhula ngamaqela. Iziqhamo zikhula kwimithi yamabhinqa yodwa.

Iziqhamo

Iziqhamo zalomthi zithandwa kakhulu zezinye izilwanyana. Isiqhamo sayo sinoboya kwayesingqukuva siphinde sibe rawundi kangange intshi eyi-1 futhi umbala utyheli okanye tyheli luhlaza. Amaqhina amahlanu we ntyatyambo ahlala ngaphezulu kwe siqhamo, aphinde agobele ngasemva. Imbewu eshwabeneyo ezimbini okanye ezintathu ziyafumaneka ngaphakathi kwesiqhamo. Isikhumba siqinile kodwa esisiqhamo sityekayo sine vumba elingathi yitshokwe siphinde sibene vumba elimuncu.
Ungazitya ngoko nangoko okanye uzigcine. Ziyomiswa emhlabeni zenze umgubo. Ibhiya nebranti ziselelwa zona. Xa isiqhamo salomthi sivuthiwe sijika sibe mfusa, kodwa ayiqapheleki lonto ngoba sityiwa zezinye izilwanyana phambi kokuba sivuthwe. Izilwanyana ezifana ne-nyala, impala, ingulube, iimfene njalo njalo, ziyathanda ukutya isiqhamo salomthi. Yafumana igama layo ngenxa yembewu yayo efumaneka kubulongwe bukadyakalashe. Amagqabi atyiwa ziindlovu, iimikhombe, indlulamthi, inyathi nee-kudu. Umbusi wamabhabhathane uya watya nawo amagqabi walomthi.

Intsebenziso

Iinkuni zalomthi zihlonyiwe futhi zilungele phantsi endlini, zenza impahla yokuhombisa endlini eludidi futhi zilungele ne-phestel. Umboko wayo kwenziwa ngawo inqanawa. I-Tannin ifumaneka pha emagqabini, emqheleleni nakwii ngcambu kwaye iyakhusela ekupheliseni ukopha. Lomthi udla ngokuba sisibulala ntsholongwane esipholisa amanxeba.
Umxube wayo onengcambu uyanceda ekupheliseni iintshulube, ukucoca igazi nasekupheliseni umkhuhlane. Kuthiwa inyanga neqhenqa. Imbewu ityiwa njenga mantongomane. Isiqhamo sayo kwenziwa ngaso utywala okanye kwenziwe ngaso isiselo somdiliya. Isiqhamo kunye nesityalo zine tannin.

Ufumaneka phi

Lomthi ufumaneka kuyo yonke i-Afrika, ukusuka e-Senegal ukuya e-Sudan Namibia ukuyo fika pha kumntla we-Transvaal. Ifumaneka kakhulu pha kwindawo enamanzi okanye kwindawo enenkuni apho izikhulela kwisiduli sendawo. Kumhlaba onzima isiduli sendawo sikhusela umthi ngomhlaba ofumileyo, iingcambu zona zikhusela iziduli. Njengokuba ziphila kwindawo efileyo iziduli azizityi iinkuni. Iinkuni zalo mthi zigxotha iziduli nangona umthi sele ususiwe.