Izixhobo - Iibhokisi Zemivundla

© Karoline Steenekamp

Ibhokisi Zengqweji

Ibhokisi zengqweji zibalulekileyo kwaye zininzi indlela zokuzenza. Amafama amanininzi akhetha ukusebenzisa ibhokisi zamaplanga zibekwe ngaphandle kwe ndlwana okanye ziqhoboshelwe ukuze umvundla ongumfazi womvundla owaziwa ngokuba yi doe ukwazi ukuphuma ungena nanini na.
Okanye imbombozi eyi 25 yelitha eyenziwe nge plastiki ingasikwa, ukwenza ibhokisi ezicoceka lula kwaye ezihlalisa kamnandi (jonga umfanekiso). Iziqhoboshi ze plastiki zikhona nangona ixabiso libiza, kulula ukuzinakekela.
Indlwana eyibhokisi ingenzeka ngexabiso eliphantsi. Xa isenziwa kukrazulwa umphambili we khalibhodi. Ufuneka kuqinisekiswe okokuba iyakuhlala yomile lobhokisi kwaye isetyenziswe Kanye kuphela. Xa isusiwe lendawo yokuhlala, krazula ikhalibhodi (oko kushiyekileyo emveni kokuba umama wemivundla sele ehlafune wonela). okushiyekileyo kungafakwa emgqubeni ukongeza emgqubeni.

Ibhokisi Zokuhambisa Iivundla

Imivundla ke iye ifune ukuhanjiswa isuswe kwindawo ekuyo, kwaye kulungile ukusebenzisa ibhokisi ukuzihambisa. Ingaba yindlwane encinci eyenziwe ngamacingo enendawo zobamba okanye yenziwe ngamaplanga kodwa ibenazo indawo zokubamba.
Xa ibhokisi kufanele ihambise imivundla emininzi kubalulekile ukuba nekamere ezine ukuyoma esihlanwini kuma kreyithi. Xa imivundla ihanjiswa ngemoto kufuneka ibekwi bhokisi ezingena umoya kwaye ezikhuselekileyo, okanye kuma creyithi ukuze zikhuseleke endleleni.
Kufuneka uqaphelo, imivundla ingagcwaliswa kakhulu xa ihanjiswa indlela ende. Kwaye qinisekisa inawo ama Apile neminqatha kuma kreyithi zona ezo zihluthisayo kwaye zinawo namanzi. Xa uhambo lulude, kufuneka izilwanyana zibe mbalwa kuma creyithi. Inkoliso yohambo ibayi yure enye ukuyoma kwi yure ezintandathu.

Ingxowa Enezixhobo Zoncedo Lokuqala

Ingxowa enezixhobo zoncedo lukuqala ibalulekile kwaye kufuneka ibenamayeza, ifikeleleke maxesha onke. (Izinto emazibekhona kule bhokisi ziza kubhalwa ngaphantsi, ‘kwezempilo’).
Amakhadi endlwana, iincwadi zokugcina inkcukacha, nokuphawulwa kwemivundla izakuhlalutywa ngaphantsi kwesahloko ‘ulawulo lwemivundla’ isikali nezixhobo zokunakekela zizakuhlalutywa phantsi kwesahloko ‘ulawulo’

Translated by Zikhona Plaatjie