Izixhobo Ezisetyenziswa Emivundleni

© Karoline Steenekamp

Lendawo ijongana nezixhobo ezifunekayo ukuqala ufuyo lwemivundla. Oku ke kuquka indawo zokutyela, indawo yamanzi, iinduli zengca, indawo zokugcina ukutya, izixhobo zokucoca, ingqweji nezithuthi zokuhambisa indlwana kunye nebhokisi enezixhobo zoncedo lokuqala.

Indawo Zokugcina Ukutya

Indawo zokugcina ukutya kufuneka zibekhona kwintlobo zonke zokutya ezisetyenziswayo. IPellets kungcono ziphakelwe kwi zitya ezikwaziyo ukuqhobosheka ngaphandle kwe ndlwana ukuze ipellets zinikezwe ngaphandle kokuvula yonke iminyango yeendlwana. Izitya zokutyela kufuneka ziqhakamshelwe kwi ndlwana ngaphandle ukuze imivundla ingakhubeki ichithe ukutya ku moshakale.
Indawo yokutyela esetyenziswayo ukutyisa imazi nentshontsho layo okanye iqembu lemivundla ehleli yonke kwindlwana, kufuneka ibende ukuze zonke izilwanyana zikwazi ukutya zonke kakuhle, umvundla ecaleni komnye. Ezizitya zokutyela zingenziwa ngentsimbi etshisiweyo, okanye umdongo, nokuba zibhotile zesiselo ezisikiweyo. Zona ke ibhotile zesiselo zinga tyiwa yimivundla kodwa ke kulula ukuphinda usike ezinye.
Izitya zokutyela imivundla emincinci kufuneka zibemxinwa ukuze abantwana bomvundla bangahlali ekutyeni. Zonke izitya zokutyela kufuneka zihlale zicocekile maxa onke.

Amanzi

Amanzi asempilweni kufuneka ahlale ekhona maxa onke kwaye kubangcono xa zincanciswa ngebhotile. Indlela zamanzi ezi ziveliselayo zezona zilula zingasebenzisiyo ekunikeni imivundla amanzi. Nangona zingaluncedo, kubalulekile ukuqinisekisa okokuba ingono azivalekanga maxa onke, zifuna ukujongwa ke.
Eyona nto iyingxaki ekusebenziseni lendlela yengono ekunikezeni amanzi yeyokuba umfama akakwazi ukujonga okokuba umvundla ngamnye usele amanzi angakanani kwiyure ezingamashumi amabini anesine (24 hrs).
Oku ke kwenza impilo ingakwazeki ukujongisiseka kakuhle, kodwa ke xa ama tanki egcwalisiwe maxa onke, ziye zifune okokuba silwanyane ngasinye sibenamanzi maxa onke.
Amayeza afunekayo ngumhlambi wonke wemivundla inganikeza ngale ndlela eyaziwa ngokuba yi ‘automated system’.

Iinduli Zengca

Ingca ibalulekile kwimpilo yemivundla yonke. Inikezwa kakuhle kwinto eyaziwa ngokuba yi ‘rick’ okanye induli okanye imivundla iye ihlale engceni ishiye ilindle. Induli yengca ingaba ngaphandle kwendlwana umvundla ayitsale ngocingo okanye incanyathiselwe ngaphakathi kwe ndlwana.

Iindawo Zokugcina

Konke ukutya makugcinwe kwindawo evalekayo ukuze kuhlale kulungele utyiwa ukutya, kwaye amagundwane ne mpuku zingangeni.

Translated by Zikhona Plaatjie