Izithiyeli kunye Nolawulo Lwezinyana Ezitya Imfuyo

© Chris Daly
Izithiyeli zingasetyenziswa ukubamba izilwanyana ezitya imfuyo, kodwa kufuneka zitheyelwe ngulowo ukwaziyo ukuthiya kwaye zisetyenziswe ngendlela engonzakalisi izilwanyana. Kufuneka iimpepha mvume ukuze kubanjiswe iintlobo ezikhuselekileyo okanye ezise mngciphekweni.

I-Gin Traps

I-Gin traps zapheliswa zavalwa kumazwe angama shumi alithoba kwilizwe jikelele, ngokubhalwe kwi Predators on Livestock Farms, a Practical Farmers Manual for Non-Lethal, Holistic, Ecologially Acceptable and Ethical Management, ehlanganiswe ngu Bool Smuts ngonyaka ka 2008. Ezi zithiyeli zenza intlupheko ezininzi ngokuthi zimfixisele iinyawo zesilwanyana. Izilwanyana azonzakali kuphela kodwa, kodwa zingafa kukunxanwa nendlala ukuba azikhululwanga ngoku khawuleza emveni kokubanjwa. Zingafumana nosuleleko lwe gangrene xa amanxeba abazizilonda.
Ngaphandle koku, igin traps azoyikisi, oku kuthetha okokuba nezinye izilwanyana ‘ezimsulwa’ ziye zibambeke kwezi zithiyeli.

I-Soft Traps

Ngokubhalwe kwi Cape Leopard Trust, isoft traps zinomahluko kwi gin traps kuba igin traps zinentsimbi etsolo eme okwamazinyo, yenzelwe okokuba yonakalise imisipha, amalungu omzimba nkunye namathambo kwisilwanyana esibanjisiweyo, logama isoft traps zinamazinyo asecaleni nendawo ze rabha ezideki, izipringi ezingomelelanga, iswiveli ephindiweyo nezipringi ezikwityethanga ukuthintela ukonzakalisa amalungu kunye nemisipha.
Nazo ke azijonganga silwanyana esithile, kodwa ke zonke izilwanyana ziyakwazi ukukhululwa kuzo zingonzakalanga. Ezizithiyeli kufuneka zijongwe mihla le ukuze zikwazi ukukhululwa izilwanyana ezibambekileyo ngoku khawuleza emveni kokuba zibanjiwe ukuze kuthintelwe ukonzakala nokukhathazeka kwizilwanyana. Izitheyeli kufuneka zenziwe ngulowo unamava kwaye zingafakwa kwindlela ezihamba izilwanyana zonke, ezindleleni ezikufuphi nocingo okanye kufuphi nemingxuma yokunkcenkceshela.

I-Live Hold Traps

I-Live hold traps zizixhobo ezenzelwe ukubamba nokugcina isilwanyana, ukuze sisuswe. Izithiyeli zenzelwe ukuba zingonzakalisi izilwanyana kodwa zinendlela yokuba umnyango wendlwana uvaleke xa isindeka.
Iindlwana kufuneka zijongwe mihla le, ukuze kukhululwe izilwanyana ezimsulwa zijongane nezozilwanyana kujongiswe kuzo ukungajongi iindlwana kungenza izilwanyana zibulawe yindlala nonxano. Izilwanyana zingakhathazeka zibenomsindo zizonzakalise zizama ukubaleka.
Ezi zithinteli zifakwa ukutya kwezilwanyana, logama umnyango wazo ugcwaliswe ngomhlaba. Zingasetyenziswa nangantoni na eyenza umtsalane kwisilwanyana esisizaku banjiswa kwaye ifakwa kwindlela ehamba kuyo izilwanyana esitya imfuyo. Umzekelo ingwe sisilwanyana esithanda ukwenza into enye, logama ingqawa zithanda amaxhoba ezilwanyana amatsha. Ezinye izithiyeli zinamacango amabini logama kwezinye lilinye. Ezi zithiyeli zisebenza kwizilwanyana ezininzi ngaphandle ko dyakalashe.
Indlwana ezisetyenziswayo ziyohluka kuxhomekeka kuhlobo lwesilwanyana. iPredation Management Manual icebisa okokuba amafama avale ucango ngesiphontshi okanye irabha ukuze iimisila yengwe ne hlosi ingonzakali. Ingwe kufuneka zogqunywe ngomzobo odeki ukuze ihlale ipholile inikezwe ipilisi yokuyitheza amandla ngu gqirha wezilwanyana phambi kokuba isuswe. Ngokufanayo nengqawane, ihlosi kunye nee ntini.

Translated by Zikhona Plaatjie