IZidudu zase Busika eMzantsi Afrika

©Glenneis Kriel
Ezona zidudu zibalulekileyo yingqolowa, canola, imithombo (malting barley), inkoliso yazo iveliswa kwindawo ezinetha imvula yase busika eMzantsi Afrika – Intshona Koloni. Imveliso kweliphondo yenzeka kwi Southern Cape ne Swartland, apho ingqolowa iyingxenye yengeniso.
Xa iintlobo zesivuno zinqongophele onokuthi ujikelezise ingqolowa, lamafa agcina imfuyo, efana negusha okanye inkomo, ukunikeza amandla kwizivuno zokondla kujikeleziso lwezityalo, ezifana ne Lucerne, medics kunye ne lupines.

Ingqolowa

©Glenneis Kriel
Ilizwe lo Mzantsi Afrika lelona lithenga ingqolowa eninzi kwamanye amazwe, oku kuthetha okokuba kufuneka sithenge ingqolowa eninzi ukongeza kwencinci eveliswa leli. Indawo yemveliso yehlile kakhulu eminyakeni, ngenxa yengeniso encinci nomngcipheko omkhulu odityaniswa nemveliso, logama ubuninzi obuveliswa ngokwe hektare buye banda ngenxa yokuphucula indlela zolimo.
Ingqolowa iveliswa kweli lo Mzantsi Afrika wonke, kwimilinganiselo emincinci kumanye amaphondo, ingaba kumhlaba owomileyo okanye phantsi konkcenkceshelo.
Iphondo lase Free State kwimvula yase hlotyeni lalibonakala njenge baskithi yesonka yelizwe, ngenxa yamazinga aphezulu aveliswe khona, kodwa imveliso kum-mandla yehlile kakhulu kwiminyaka elishumi edlulileyo kuba amafama akhetha izivuno ezinengeniso eninzi nomngcipheko osezantsi.
Zinqongophele iindidi zemveliso, iNtshona Koloni xa kunetha imvula yase hlotyeni, equka iSwartland ne Southern Cape, iyithabathile lendawo ngoku ithabatha ingxenye yemveliso yase Mzantsi Afrika. Ingqolowa kwiphondo iveliswa phantsi kwemeko zomhlaba ezomileyo.

I-Canola

©Glenneis Kriel
Imveliso ye canola sisivuno sase busika yiyo lonto ziveliswa kakhulu kwindawo ezinetha imvula yase busika-iNtshona Koloni. Kuyazanywa ukufumanisa ezinye iindawo ukuze zivelise esisivuno, ngenxa yokukhula kwezidingo ze canola oil.
Imveliso yayinga ngenisi imali kune mveliso yengqolowa, amafama ayeyityala ngenxa yenzuzo yayo njenge sityalo esijikeleziswayo. Iyanceda ukuqhawula isekile yezifo ezidityaniswa nengqolowa eveliswa njengesityalo esisodwa kwaye ivumela amafama ajikelezise izibulali zokhula ukuze kulawulwe ukhula. Iindlela eziphuculiweyo ziye zenza ngcono ingeniso ye canola, zayenza yasisityalo esilungeleyo ukutyalwa ngokwaso.

I-Malting Barley

©Glenneis Kriel
Ibarley ityalwa kweli lo Mzantsi Afrika ukuze kwenziwe imithombo, kuba ixabiso layo njengo kutya alithetheleli imingcipheko ephezulu edityaniswa nemveliso. Inkoliso ye barley ithengiselwa injkampani enkulu edidiyela utywala, i-AB InBev. Logama imilinganiselo emincinci ingathengiswa kwinkampani ezididiyela utywala ezincinci, oku ke akuvakali ncam ngokwe ntengiso.
Ibarley ityalwa phantsi konkcenkceshelo kwiphondo lase Northern Cape nakumhlaba owomileyo e Southern Cape. Ukufumaneka kwentlobo ezintsha kwenze imveliso yandele kwi Swartland, kwiphondo lase Ntshona Koloni.

Translated by Zikhona Plaatjie