Izichumiso Zendalo neze Khemikhali, Imigquba kunye ne Manyolo

Izichumiso Zendalo

©Louise Brodie
Izichumiso zendalo (Organic fertilizers) zenziwe ngezinto ezibolileyo, nezisuka kwi organism ebezikade ziphila ngaphambili. Ezi zinto ke kwenziwa ngazo umgquba kwaye zinga dityaniswa neemanyolo ezahlukeneyo. Oku kubola kwazo kwenzeka nge microorganisms ezisemhlabeni, nezithi zenze izinongo ezizakufunxwa zizityalo. Izichumiso zendalo (organicfertilizer) zigalelwa emhlabeni njengokuba zinjalo, zisenookuba ngamagaqa okanye zibengamagade. Izichumiso zendalo zithi chuu ukukhupha izinongo zazo emhlabeni kwaye kufanele zigalelwe kwindawo ekuzakutyalwa kuyo, phambi kokuba kutyalwe. Oku kuthintela amathuba okunqongophala kwezinongo, kwisityalo esisakhulayo.

Umgquba yinto ephumayo xa kudityaniswe zonke izinto zendalo zaze (organic material) zayekwa ukuba zibole.
Imanyolo bubulongwe ilindle lezilwanyana labantu kunye nezilwanyana, obuthi buqokelelwe ze bugalelwe emhlabeni ukuphuhlisa ukwenzeka kwe micro-organism.

Izichumiso Ezenziwe Ngekhemikhali

Izichumiso ezenziwe ngekhemikhali (inorganic fertilizers) zona ke zizichumiso ezenziwe ngabantu ngengqokelela ye element kunye nee fossil fuels, nezithi zenziwe ngokwezabelo ezidingwa zizityalo ezahlukeneyo nezikwimo ezahlukeneyo. Izichumiso zekhemikhali ziyakhawuleza ukusebenza kunezo ze organic. Kwaye zifikelela kwisityalo ngoko nangoko emveni kokuba zigalelwe. Zivamise ukugalelwa zingama gaqa okanye zingamanzi.
Ukugalelwa kwezi zichumiso ngaphaya komlinganiselo kungabangela ukupakishana kwetyuwa ze kwehle neqondo le microbes emhlabeni; nto leyo ke inokubangela ukuvuza komhlaba. Oku kungancedwa ngokugalela umgquba okanye imanyolo emhlabeni ze kutyalwe nezityalo eziluhlaza zokugquma ezifana neembotyi, irye kunye ne oats ze zihlakulwe zixutywe nomhlaba.
Amanqaku Ongezelelweyo
Ukusebenzisa zombini ezindidi zezichumiso kuluncedo kakhulu kwizityalo kuba ziye zisebenzise amandla ezi zichumiso zozibini. Kwaye indida nganye yesichumiso inceda apho esinye sisilela khona. Izichumiso zendalo ziyakhusela kwaye zigcina umhlaba usempilweni ze ezo zekhemikhali zincede ekukhuliseni isityalo msinya ziqinisekise neziinongo ezaneleyo kwizityalo.

Translated by Zizipho Silwana